Uhlambululo LomphefumloIsampulu

Soul Detox

Usuku 8 LWE 35

Amazwi anokukwenzakalisa yaye amazwi afanelekileyo anokuphilisa. Loo mazwi akutyumzayo nakwenzakalisayo aziwa njengamagama anetyhefu. Amagama anetyhefu ayingozi kakhulu kungekuphela nje xa ethethwa kuwe, kodwa xa uwathetha kwabanye. Kule veki uya kufunda eLizwini likaThixo malunga nobungozi bamazwi ayityhefu kunye namandla amazwi anika ubomi.

Abuchaphazele njani ubomi bakho ngoku amagama ayityhefu?
Usuku 7Usuku 9

Malunga nesi Sicwangciso

Soul Detox

Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.

More

Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church