OkungeYouVersion

Ukufaneleka

Kwizizukulwa ezidluleyo, abatnu babengakwazi ukufikelela eBhayibhileni. Namhlanje, oku akusenjalo. Noko ke, abantu abaninzi abakwaziyo ukufunda iBhayibhile bacinga ukuba umyalezo wayo awusebenzi kubomi babo. Kwangaxeshanye, kukho abanye abakholelwa ukuba kukho unxibelelwano phakathi kweBhayibhile namava abo emihla ngemihla.

Uguqulo noLwazi

Kule minyaka ilishumi idlulileyo, i-Intanethi izise uguqulo oluxhobisa abantu ngendlela engazange ibonwe ngaphambili. Ngokukwazi ukwabelana, ukufaka isandla, ukuyila, ukusasaza kunye nokunxibelelana, kulula ukuzibonakalisa ukuba singoobani kunye nento esiyikholelwayo kwihlabathi liphela.

I-YouVersion

Ukususela ekuqaliseni kwayo ngo-1996, injongo yeLife.Church's ibikukukhokelela abantu ekubeni babe ngabalandeli abazinikele ngokupheleleyo bakaKristu. Ngokwenzanjalo, siye sakhangela iindlela ezintsha zokunceda abantu banxulumanise iBhayibhile kubomi ngemihla. Iindlela zethu zitshintshile emveni kweminyaka njengoko sibandakanyile itekhnoloji kunye nezicwangciso. Kodwa eyona nto iphambili kukuba, sigxininise ukufaneleka kwethu njengoko sihlala sizabalzela ukubonisa nokufundisa abantu indlela iLizwi likaThixo elinxibelelana ngayo nomntu wonke, kungakhathaliseki ukuba baphi na ebomini. IYouVersion imele umda omtsha kwiinzame zeLife.Church's. Asenzi nje isixhobo sokuphembelela ihlabathi sisebenzisa ubuchwepheshe obutsha, okona kubaluleke kakhulu, sibandakanya abantu kubudlelwane noThixo njengoko befumanisa ukubaluleka kweBhayibhile kubomi babo.