Uhlambululo LomphefumloIsampulu
Iingcinga zethu zibaluleke kakhulu. Ingcinga ibalulekile kuba into oyicingayo igqiba ukuba ube yintoni na. Ngelishwa, uninzi lwethu lutyekele ekuthinjweni ziingcamango eziyityhefu, kunokuba sigxininise iingcinga zethu kwinyaniso kaThixo. Kule veki uza kufunda kwiLizwi likaThixo ngeengozi zeengcinga eziyityhefu nendlela onokuzithabathel’ indawo ngenyaniso kaThixo.
Ngaba iingcinga zakho eziyityhefu zibuchaphazele kakubi ubomi bakho kunye nobudlelwane bakho?
Ngaba iingcinga zakho eziyityhefu zibuchaphazele kakubi ubomi bakho kunye nobudlelwane bakho?
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church