Uhlambululo LomphefumloIsampulu

Soul Detox

Usuku 3 LWE 35

Zine iindidi eziqhelekileyo zeengcinga eziyityhefu. Ezo zicinga okubi, ukoyika, ukunganeliseki kunye nokuzigxeka. Kungenzeka ukuba ulwa neengcinga eziyityhefu, enye okanye ngaphezulu kwezi ndlela zine. Musa ukuvumela ezi ngcinga zinetyhefu ukuba zikubambe zikudle. Okukhona uzivumela ukuba zimile ngaphakathi kuwe, kokukhona ziya kuba nzima ukuzishukumisa. Chonga ezo ngcinga uze uzigatye namhlanje.

Zeziphi iintlobo zeengcinga eziyityhefu othi ube nazo rhoqo? Yeyiphi eminye imizekelo yeengcamango zakho eziyityhefu?
Usuku 2Usuku 4

Malunga nesi Sicwangciso

Soul Detox

Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.

More

Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church