Uhlambululo LomphefumloIsampulu
AmaHebhere 3 ayasikhuthaza ukuba similisele iingcinga zethu kuYesu; nangona kunjalo, oko kunokuba nzima ngenxa yezinto ezinobungozi ezininzi ezizama ukubambela iingcamango zethu kude naye. Iingcinga zethu ziphenjelelwa ngokulula zizinto eziyityhefu ezinjengeempembelelo, ulwalamano kunye namagama. Zama ukuvala kwaye ususe zonke izinto ezinobungozi ezingcolisa ubomi bakho kwaye endaweni yoko umilisele iingcinga zakho kuYesu. Ukumilisela iingcinga zakho kuye kubalulekile ekuhluzeni zonke iityhefu ebomini bakho.
Bahluke kangakanani ubomi bakho xa ucinga ngezinto eziyinyani nezilungileyo kunezinto eziyityhefu?
Bahluke kangakanani ubomi bakho xa ucinga ngezinto eziyinyani nezilungileyo kunezinto eziyityhefu?
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church