Uhlambululo LomphefumloIsampulu

Soul Detox

Usuku 9 LWE 35

Amazwi ethu anamandla. Anegunya lokubulala, namandla okunika ubomi; Kuyo yonke incwadi yeMizekeliso, uSolomon usoloko ebhala ngeengozi nobuchule obunik’ ubomi bamazwi ethu. Wayewazi kakuhle amandla amazwi. Ngenxa yoko, uSolomon usikhuthaza sonke ukuba silumkele uhlobo lwamagama esiwathetha kwabanye kunye nemiphumo emihle nemibi abanokuba nayo.

Loluphi uhlobo lwamagama othanda ukuwathetha kakhulu - anetyhefu okanye anika ubomi? Cacisa.
Usuku 8Usuku 10

Malunga nesi Sicwangciso

Soul Detox

Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.

More

Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church