Owusebenzayo umhlaba wakhe uhlútha kukudla; Osukelana nento engento uswele intliziyo. Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabanobubi; Ingcambu yamalungisa iyanika. Ekuphosiseni komlomo kukho isirhintyelo esinobubi; Ke lona ilungisa liyaphuma embandezelweni. Ngesiqhamo somlomo wayo indoda iyahlútha kokulungileyo, Nempatho yezandla zomntu ibuyela kuye. Indlela yesimathane ithe tye kwawaso amehlo; Ophulaphula ukucetyiswa usisilumko. Isimathane sikwazisa kwangaloo mini ukuqumba kwaso; Ke yena onobuqili uyakugubungela ukucukucezwa. Ophefumla inyaniso uxela ubulungisa; Ingqina elixokayo lixela inkohliso. Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele; Ke lona ulwimi lwezilumko luyaphilisa. Umlomo wenyaniso uzimasekile kwaphela; Ke lona ulwimi oluxokayo lolwephanyazo. Inkohliso isentliziyweni yabayila ububi; Ke bona abacebi boxolo bayabuyisa. Ilungisa aliqubisani nobubi; Ke bona abangendawo bazele yinkxwaleko. Ùngamasikizi kuYehova umlomo oxokayo; Abenza inyaniso ukholisiwe ngabo. Umntu onobuqili uyakugubungela ukwazi; Intliziyo yesinyabi ivakalisa ukumatha.
Funda IMIZEKELISO 12
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IMIZEKELISO 12:11-23
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo