IMIZEKELISO 12:11-23
IMIZEKELISO 12:11-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Owusebenzayo umhlaba wakhe uhlútha kukudla; Osukelana nento engento uswele intliziyo. Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabanobubi; Ingcambu yamalungisa iyanika. Ekuphosiseni komlomo kukho isirhintyelo esinobubi; Ke lona ilungisa liyaphuma embandezelweni. Ngesiqhamo somlomo wayo indoda iyahlútha kokulungileyo, Nempatho yezandla zomntu ibuyela kuye. Indlela yesimathane ithe tye kwawaso amehlo; Ophulaphula ukucetyiswa usisilumko. Isimathane sikwazisa kwangaloo mini ukuqumba kwaso; Ke yena onobuqili uyakugubungela ukucukucezwa. Ophefumla inyaniso uxela ubulungisa; Ingqina elixokayo lixela inkohliso. Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele; Ke lona ulwimi lwezilumko luyaphilisa. Umlomo wenyaniso uzimasekile kwaphela; Ke lona ulwimi oluxokayo lolwephanyazo. Inkohliso isentliziyweni yabayila ububi; Ke bona abacebi boxolo bayabuyisa. Ilungisa aliqubisani nobubi; Ke bona abangendawo bazele yinkxwaleko. Ùngamasikizi kuYehova umlomo oxokayo; Abenza inyaniso ukholisiwe ngabo. Umntu onobuqili uyakugubungela ukwazi; Intliziyo yesinyabi ivakalisa ukumatha.
IMIZEKELISO 12:11-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umntu olima amasimi akhe akasweli kutya; kambe ke bubuyatha ukulibala ngumsebenzi ongaphumi nto. Umntu okhohlakeleyo usoloko efuna amaxhoba azuzwe ngabantu abanobubi; ke yona ingcambu yezityalo zamalungisa iyachuma. Umntu ongento ubanjiswa kwangamazwi akhe agwenxa; ke lona ilungisa liyazikhulula enkathazweni. Umntu ufumana ulutho aneliswe sisiqhamo sokuthetha kwakhe; kananjalo umsebenzi womntu ubuyela kwakuye. Indlela yesityhakala ibonakala ilungile kwawaso amehlo; ke sona isilumko siyeva sakucetyiswa. Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile; kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko. Ingqina elinyanisekileyo lithetha inyaniso; ukanti ke ingqina elixokayo lisasaza ulwimi. Amazwi okulavuza ahlabanisela njengekrele; kambe ke wona amazwi ezilumko ayaphilisa. Inyaniso ima ngonaphakade; ke bona ubuxoki bobomzuzwana. Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi; kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo. Amalungisa akahlelwa bubi; ke bona abakhohlakeleyo baphahlwe ziinkathazo. UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo, kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo. Umntu oqiqayo akalubhengezi ulwazi lwakhe; ke sona isiyatha sihamba sivakalisa ubudenge baso.
IMIZEKELISO 12:11-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Owusebenzayo amasimi akhe uya kuhlutha kukudla; Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabangendawo; Ke yona ingcambu yamalungisa iyanika. Isiphoso somlomo wakhe sibanjwe ongendawo, Ke lona ilungisa liyahlangulwa embandezelweni. Umntu uyahlutha kokulungileyo ngesiqhamo somlomo wakhe, aze umntu afumane umvuzo womvuzo wezandla zakhe. Indlela yesimathane ithe tye kwamehlo akho; Ophulaphula ukucetyiswa usisilumko. Isimathane siyaziwa ngomsindo wesinyabi; Ke sona isilumko siyakufihla ukucukucezwa. Othetha inyaniso uxela ubulungisa; Ingqina elixokayo liyinkohliso. Kukho abathetha njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lwezilumko luphilile. Umlomo wenyaniso umi ngonaphakade; Ke lona ulwimi oluxokayo lolwephanyazo. Inkohliso isentliziyweni yabayila ububi; Ke bona abacebi boxolo bayavuya. Ilungisa aliqubisani nobubi; Ke bona abangendawo bazala bububi. Ilisikizi kuYehova umlomo oxokayo, kodwa abo benza ngenyaniso ukholekile kuye. Isilumko sikufihla ukwazi; Intliziyo yesinyabi ivakalisa ukumatha.
IMIZEKELISO 12:11-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Olimayo umhlaba wake, wokoliswa sisonka; kodwa olandela abantu abangendawo, uswele ingqondo. Okohlakeleyo uyanqwenela utambo lwabangalungileyo; kodwa ingcambo yabalungileyo yohlanza. Umgibe wongalungileyo usekugqiteni kwomlomo: kodwa olungileyo uya kupuma ebunzimeni. Ngesixakato somlomo womntu, uya kukoliswa ngokulungileyo; kanjalo umvuzo wezandla zomntu wobuyiselwa kuye. Indlela yehilihili ifanelekile kwawalo amehlo; kodwa opulapulayo icebo ulumkile. Ihilihili ukuqumba kwalo kuhla kwaziwe; kodwa otelekelelayo uyagubungela ihlazo. Oteta inyaniso uyaxela ubulungisa; kodwa inqi̔na lobuxokiliyaxela inkohliso. Kuko obobayo njengokuhlaba kwesiṙele; kodwa ulwimi lwabalumkileyo luyimpiliso. Umlomo wenyaniso uya kuqiniswa kude kube ngunapakade; kodwa ulwimi lwobuxoki, kude kupanyazwe kupela. Inkohliso isentliziyweni yabaqingayo ububi; kodwa abacebi boxolo banovuyo. Olungileyo akuyi kumhlela nanye ingozi; kodwa abakohlakeleyo bozaliswa bububi. Umlomo wobuxoki uyintshontsho KUYEHOVA; kodwa abenza ngenyaniso bayimvuyiso kuye. Umntu otelekelelayo uyafihla ukwazi; kodwa intliziyo yamahilihili iyashumayela ubudenge.