Olimayo umhlaba wake, wokoliswa sisonka; kodwa olandela abantu abangendawo, uswele ingqondo. Okohlakeleyo uyanqwenela utambo lwabangalungileyo; kodwa ingcambo yabalungileyo yohlanza. Umgibe wongalungileyo usekugqiteni kwomlomo: kodwa olungileyo uya kupuma ebunzimeni. Ngesixakato somlomo womntu, uya kukoliswa ngokulungileyo; kanjalo umvuzo wezandla zomntu wobuyiselwa kuye. Indlela yehilihili ifanelekile kwawalo amehlo; kodwa opulapulayo icebo ulumkile. Ihilihili ukuqumba kwalo kuhla kwaziwe; kodwa otelekelelayo uyagubungela ihlazo. Oteta inyaniso uyaxela ubulungisa; kodwa inqi̔na lobuxokiliyaxela inkohliso. Kuko obobayo njengokuhlaba kwesiṙele; kodwa ulwimi lwabalumkileyo luyimpiliso. Umlomo wenyaniso uya kuqiniswa kude kube ngunapakade; kodwa ulwimi lwobuxoki, kude kupanyazwe kupela. Inkohliso isentliziyweni yabaqingayo ububi; kodwa abacebi boxolo banovuyo. Olungileyo akuyi kumhlela nanye ingozi; kodwa abakohlakeleyo bozaliswa bububi. Umlomo wobuxoki uyintshontsho KUYEHOVA; kodwa abenza ngenyaniso bayimvuyiso kuye. Umntu otelekelelayo uyafihla ukwazi; kodwa intliziyo yamahilihili iyashumayela ubudenge.
Funda Imizekeliso 12
Share
Compare All Versions: Imizekeliso 12:11-23
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos