Uhlambululo LomphefumloIsampulu
Abantu ebomini bakho banokuba yenye yezona zinto zibalulekileyo zakwamoya okanye babe sesinye seziqalekiso zakho ezimbi. Obo budlelwane busisiqalekiso kuwe buyingozi. Kule veki ufunda eLizwini likaThixo ngeengozi zobudlelwane obuyityhefu nokubaluleka kokuzingqongisa ngabantu abafanelekileyo.
Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Chaza ixesha apho wafumana esi silumkiso ebomini bakho. Ufunde ntoni kumava akho?
Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Chaza ixesha apho wafumana esi silumkiso ebomini bakho. Ufunde ntoni kumava akho?
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church