Uhlambululo LomphefumloIsampulu
Kukho iintlobo ezintathu eziqhelekileyo zobudlelwane obuyingozi: obungakhiyo, oqokobhiswayo, kunye nabahendi. Ingenzeka ukhe wadibana nazo zontathu ezintlobo zobudlelwane ziyingozi ebomini bakho. Ingenzeka ukuba ubukhe wayingozi komnye umntu ngenye yezi ndlela zintathu. Yenza njengoko iLizwi likaThixo lisitsho uze ungazivumeli ukuba ukhohliswe yaye ulahlekiswe lulwalamano oluyingozi. Okubaluleke ngakumbi, musa ukuba yingozi kwabanye kuba uya kubalahlekisa.
Zeziphi iintlobo zobudlelwane obuyingozi onazo ngoku ngakumbi ebomini bakho?
Zeziphi iintlobo zobudlelwane obuyingozi onazo ngoku ngakumbi ebomini bakho?
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church