Uhlambululo LomphefumloIsampulu
UMateyu 16 usibonisa ukuba enye indlela yokulawula ubudlelwane obuyityhefu kukumisela imida esempilweni kanje ngendlela uYesu awamphatha ngayo uPetros. Kusenokufuneka umxelele loo mntu ukuba awuyi kumvumela ukuba athethe nawe okanye akuphathe ngendlela engcolileyo, okanye kunokufuneka nje ukuba ubaxelele awuzukuya kwindawo ezingalunganga ebudlelwaneni bakho nabo.
Zeziphi iintlobo zemida esempilweni odinga ukuyiseka ebudlelwaneni bakho? Uza kuyibeka njani loo mida?
Zeziphi iintlobo zemida esempilweni odinga ukuyiseka ebudlelwaneni bakho? Uza kuyibeka njani loo mida?
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church