Uhlambululo LomphefumloIsampulu
Kulula kakhulu ukubanjiswa zizinto eziyityhefu zenkcubeko kuba kulula ukuzilungisa ezintlokweni zethu. Uninzi lwethu mhlawumbi lukhe lwaba nale ngcinga ilandelayo: into enokuba yingozi kuwe isenokungabi yingozi kum. ILizwi likaThixo lithetha into eyahlukileyo. UPawulos usixelela kweyoku-1 kwabaseKorinte 6 ukuba ngenxa yokuba unako, akuthethi ukuba ufanele.
Yeyiphi imigangatho oyisebenzisayo ukuhluza izinto eziyityhefu zenkcubeko ebomini bakho? Ucinga ukuba imilinganiselo yakho idibana kangakanani nekaThixo?
Yeyiphi imigangatho oyisebenzisayo ukuhluza izinto eziyityhefu zenkcubeko ebomini bakho? Ucinga ukuba imilinganiselo yakho idibana kangakanani nekaThixo?
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church