Uhlambululo LomphefumloIsampulu
Xa kuziwa kwizinto eziyityhefu zenkcubeko, intwana yetyhefu inokuhamba umgama omde. Ngenxa yoko, kubalulekile ukuba sizame ukucoca ezo tyhefu kwinkqubo yethu ngaphambi kokuba zenze umonakalo ohlala ixesha elide ebomini bethu.
Xela into eyityhefu yenkcubeko eyaqala ebomini bakho njengento encinci, kodwa yakhula yaba yinto enkulu. Ikungcolise njani loo tyhefu?
Xela into eyityhefu yenkcubeko eyaqala ebomini bakho njengento encinci, kodwa yakhula yaba yinto enkulu. Ikungcolise njani loo tyhefu?
Malunga nesi Sicwangciso
Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.
More
Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso.
Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church