Uhlambululo LomphefumloIsampulu

Soul Detox

Usuku 22 LWE 35

Ubomi bethu buzele yityhefu yenkcubeko, ezo zinto zamkelekileyo ngokwenkcubeko, kodwa zilimaza imiphefumlo yethu. Ityhefu yenkcubeko inokufunyanwa kwiincwadi esizifundayo, kumaphephandaba esiwafundayo, kumculo esiwuphulaphulayo, kwiinkqubo zikamabonakude esizibukelayo nakwimifanekiso bhanyabhanya esiyibukelayo. Xa sivumela ityhefu yenkcubeko ebomini bethu, iyasingcolisa. Kule veki uya kufunda ukuba iLizwi likaThixo lithini malunga nobungozi betyhefu yenkcubeko kunye nokubaluleka kokugxila kwizinto ezisisondeza kuThixo.

Zeziphi ezinye zeetyhefu zenkcubeko onazo ngoku ebomini bakho? Uzibone njani ezi tyhefu zingcolisa ubomi bakho?
Usuku 21Usuku 23

Malunga nesi Sicwangciso

Soul Detox

Asingomzimba onomphefumlo. Singumphefumlo onomzimba. Ngelixa ihlabathi lisifundisa ngokufanelekileyo ukuba sikhuphe izinto ezimdaka emizimbeni yethu, ngamanye amaxesha kufuneka sikhuphe izinto ezimdaka emphefumlweni wethu. Esi sicwangciso seentsuku ezingama-35 siya kukunceda uchonge into ehliphula umphefumlo wakho, kwaye yintoni ekuthintelayo ukuba ube ngulomntu uThixo akudale ukuba ube nguye. Uya kufunda eLizwini likaThixo indlela onokuziphelisa ngayo ezi mpembelelo zonakalisayo uze wamkele ukuphila okucocekileyo komphefumlo wakho.

More

Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: www.life.church