uEstereIsampulu
Incwadi kaEstere ayilikhankanyi konke igama likaThixo. Endaweni yoko, ichaza ukumkani obonakala ngathi uthathe indawo kaThixo. UXerxes, ukumkani wasePeshiya, wenza isibhadlalala somgidi esenzela iirhuluneli zakhe, oosopolitiki nezicaka zakhe. Le nto yayibonisa amandla kaXerxes angenakulinganiswa, uzuko nobutyebi. Iintsuku ezi-187 iinkokeli zasePeshiya zazigida zisela nokumkani. UXerxes ngathi nguthixo ngenxa yobubele nokuba yimvuzemvuze. Kwanebhotwe likaXerxes ngathi lingcwele. Eneneni, indawo eyodwa kwiZibhalo efana nobutyebi, ubuhle nobuqheleqhele bebhotwe likaXerxes yitempile kaThixo.
Ukubonisa ubungqina bokugqibela bokubalasela kwakhe, uXerxes ubiza ikumkanikazi yakhe, uVashiti, ukuze azidle ngobuhle bakhe phambi kweenkosana zobukumkani bakhe ezazihlanganele apho. Kodwa wala ukudlala indima yakhe kuloo holo enobuyokoyoko yomyeni wakhe. Ecatshukiswa kukuphikiswa kolawulo lwakhe esidlangalaleni, uXerxes wabiza iingqondi zakhe zizosombulula le ngxaki. Zithi amakhosikazi amagosa kaXerxes aza kuqinisekisa ukuba amadoda awo aza kulidelela igunya likaXerxes, oku kukaVashiti. Enaloo mandla angathi ngawobuthixo, igunya likaXerxes liyahexa kwaye lidelelwa ngumfazi omnye kuphela. UXerxes ulandela icebo leengqondi zakhe, unika uVashiti uphumaphele, kwaye ugqiba kwelokuba kukho umntu aza kumthatha endaweni yakhe, mntu lowo oza kuthamba ngakumbi.
Abafana benkundla yakhe bathi makubekho itheko eliqaqambileyo lokumisela ikumkanikazi entsha. Ngokungafani noVashiti, iintombi ezinyulu zobukumkani ziza kubonisa zizidle ngobuhle bazo phambi kokumkani, aze ke yena uXerxes abonise ukubongamela okubuthixwarha nganye nganye; intombi ethe “yamvuyisa” kakhulu iza kuba ngukumkanikazi omtsha. UXerxes uyayithanda le nto.
Kodwa omnye weentombi ezangenakwisicwangciso sikaXerxes yintombi enyulu yomJuda enguEstere. Njengabafundisi bakwaSirayeli abazilungiselela ukungena etempileni kaThixo, uEstere uzilungiselela ukungena kwigumbi lokulala likaXerxes. Kodwa ekugqibeleni xa uXerxes embiza ukuze angqine ukongama kwakhe uthweswa isithsaba sobukumkanikazi. UXerxes wenza omnye umgidi kwaye kwakhona ubukumkani bakhe bonke buva ububele obubuthixwarha bokumkani wabo.
UThixo akakhankanywa nakanye kwincwadi kaEstere. Endaweni yakhe sinikwa isithixo esiziphikisayo esinguXerxes. Uyimvuzemvuze ngobubele, kodwa unomsindo. Yinkokeli elawulayo enemimiselo engenakujikwa, ngaphandle kokuba ibhalwe ngabanye emva kwentselo. Yikumkani enamandla abhetyebhetye kakhulu ngakumabhinqa acinga ukuba angawasebenzisa. Kungekudala, uEstere uza kuwujika nokuwujika omnye wemimiselo kaXerxes ‘ongajikwayo.” Ubungcwele bukaXerxes buhlekeka kangangokuba sinyanzeleka ukuzibuza ukuba ngaba nguThixo ongabonakaliyo wamaYuda na obhala ezi ziqhulo.
Usiba lukaThixo olungabonakaliyo ludla ngokukhetha amabhinqa angenakucingelwa ukuba angajika inyhikitya yobukumkani obungcolileyo. UVashiti noEstere ngabona bakhuseli batsha kubuthathaka bobukumkani obufana nobasePeshiya. Nosindiso olu lwethu kuYesu olusisindisa kubukumkani bokugqibela beSono noKufa luqala ngokuthi uThixo akhethe enye intombi enyulu yomYuda ekuthiwa nguMariya. NjengoVashiti noEstere, usisandulela sobubhetyebhetye bezikumkani. UMariya ude acule athi ukumitha kwakhe kuxela ukuphela kwehlabathi ngohlobo elimi ngalo. Nengelosi yathi umntwana kaMariya uza kulawula naphakade njengeKumkani.
Umntwana kaMariya nguYesu. Akafani noXerxes, uYesu akayokumkani ezenza ngathi inamandla onke; nguThixo othabathela kuye ukungabi namandla koluntu. Njengokuba uEstere wasiwa egumbini lokulala lekumkani, uYesu wahanjiswa ze waza wafakwa engcwabeni njengoko iiKumkani zeli hlabathi zazibonisa ukongama kwazo. Kodwa njengoko uEstere wavuka ebhedini waza wathweswa isithsaba sobuKumkanikazi, uYesu wavuka kwelabafileyo waza wathweswa isithsaba sokuba nguKumkani ngenene kwaye inguye yedwa onamandla onke nolawulayo. Ngokungafani noXerxes, uYesu akasebenzisi mandla akhe ukongamela abanokwenzakala, kodwa useka uBukumkani obungaguquguqukiyo nobulunge kakhulu esenzela abantu bakhe. UThixo kaEstere ongenagama uya kulawula naphakade. Nangoku, kwihlabathi apho kungathi akakho, uThixo usamana ebhala iziqhulo kwaye ukhetha okuncinci nokungabalulekanga ukuguzula okububuthixwarha nokuzigwagwisayo.
Akwaba uMoya oyiNgcwele angavula amehlo akho ubone uThixo odla ngokuba ngathi akabonakali. Akwaba ungabona uYesu uNyana kaMariya oze kubhukuqa izikumkani zehlabathi.
Malunga nesi Sicwangciso
Ibali elinamandla kakhulu likaEstere, eliphononongwa kwesi sicwangciso sokufunda seentsuku ezi4, lixela into eza kwenzeka ekuyindlela uYesu ngokwakhe awathi wazenza idini ngayo ukuze asisindise.Noxa igama likaThixo lingakhankanywa kule ncwadi, ulawulo lwakhe lweziganeko alunakuphikiswa, kwaye ubunganga nokuzidela kukaEstere kubonisa uthando lukaThixo nomsebenzi wakhe wokuzisa ithemba ehlabathini.
More
Sithanda ukubulela Spoken Gospel ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: http://www.spokengospel.com/