uEstereIsampulu
UEstere usandulukuthweswa isithsaba sekumkanikazi kaXerxes. Kodwa kwangoko uModekayi, umgcini nomzala kaEstere, ufumanisa iyelenqe lamathenwa kakumkani lokugwinta uXerxes. Bekunye bazisa ukumkani othi ngoko nangoko abulale ezo zigwinta ezaziza kumgwinta. Kudwa endaweni yokubuyekeza uModekayi ngentembeko yakhe, uXerxes unyusela uHaman, isizukulwana sikaKumkani uAgag. Loo mnombo ubalulekile kuba ngaphambili besixelelwe ukuba uModekayi sisizukulwana sikaSawule, ikukumkani yokuqala yakwaSirayeli. Kukusilela kukaSawule ukutshabalalisa uAgag okwamenza aphulukane netrone. Ukususela ngoko, amaAgag aba ziintshaba zookhokho zezizukulwana zikaKumkani uSawule.
Emva koko, uXerxes uthi onke amagosa akhe makaguqe kuHaman, kodwa uModekayi akavumi. Amanye amagosa abuza imbangi yokuba uModekayi angawuthobeli umyalelo kakumkani. Kodwa kuyacaca ukuba uModekayi akazi kuziphinda izono zookhokho bakhe. Xa uHaman esaziswa ngokungathobeli kukaModekayi, uyavutha ngumsindo. Kodwa xa esiva umnombo kaModekayi, unento yokufuna ukutshabalalisa uhlanga lonke. Uza kuyiphelisa le ngxabano eyaqalwa ngookhokho bakhe.
Uhaman wenza iqashiso ekuthiwa “yipuri” ukumisa owona mhla wokuziphindezela. Akuba ewumisile, uHaman uya kuXerxes kwaye ucela ukuba kubulawe onke amaYuda ngelithi elikhohlisayo ukhusela izimali zikakumkani. UXerxes uyaluvuma olu suku lokufa. AmaPeshiya akhuthazwa ukuba abulale bonke oomakhelwane babo bamaYuda kwaye bathathe yonke into abayinqwenelayo. Akakho kubo owayiqonda into yokuba lo mmiselo uza kubulala uEstere, ikumkanikazi kaXerxes.
UModekayi wazisa uEstere ngeyelenqe likaHaman kwaye umcela ukuba aye kukumkani athethelele abantu babo. Kodwa uEstere uyazi okokuba eneneni esi sisigwebo sentambo. UModekayi umlumkisa ngelithi angafa kakade. Kungcono ukuzijula kwiinceba zikaXerxes kunokuzijula kwiqela lezaphulimthetho ezibulala uhlanga lonke. Ukuba uEstere akukho nto ayenzayo, uModekayi unethemba lokuba ukuhlangulwa kwamaYuda kuza kuvela kwenye indawo. Uphinde azibuze ukuba ngaba uEstere wenzelwe ikumkanikazi kanye yeli xesha.Eqinisekile ukuba kufuneka enze into (okanye ubuncinane eqinisekile ukuba akusekho nto yimbi anokuyenza), uEstere uxelela uModekayi ukuba uza kuya kukumkani---ukuba ke uyafa, uza kufa.
Imbambano phakathi koModekayi noHaman ayiqali emva kwixesha likaKumkani uSawule nokumkani uAgag, iqala kumaphepha okuqala eBhayibhile. UThixo wathembisa ukuba inzala yeNyoka iya kusoloko inembambano nabantwana bakaEfa de kube lusuku apho intloko yeNyoka ityunyuzwa phantsi kwesithende sonyana kaEfa. UModekayi noHaman sisizukulwana esitsha esizifumana sikule mbambano endala. Kodwa kweli tyeli, ngathi kujike iindima. Izihlangu zikaHaman zilengalenga nzima phezu koModekayi, unyana kaEfa. Nanku ke umbuzo, ingaba uThixo uza kunyaniseka ngesithembiso semini yokufa kweNyoka? Okanye ingaba abantwana bakaEfa bakhetha ukufa phakathi kwezinto ezimbini?
UThixo akakhankanywa konke kuEstere. Kananjalo nezithembiso azenza nabantu bakhe azikhankanywa. Kodwa, uModekayi ngathi uyakholelwa kwesi sithembiso semini yokufa. Uqinisekile okokuba usindiso lwenzala kaEfa luza kuvela, okokuba aluveli kuEstere, luza kuvela kwenye indawo. Ke ngomzuzu uModekayi ekhuthaza uEstere ukuba abe nguMtyumzi-nyoka okwakuthenjiswe ngaye, ukwaprofeta ukuhlangulwa ekugqibeleni kwabantu bakaThixo kuYesu.
NjengoEstere, uYesu ububeka esichengeni ubomi bakhe ezandleni zekumkani, esazi ukuba usenokufa. Kodwa ngokungafani noEstere, uYesu uyafa.Usuku lokufa lufikile nakuYesu ngokwakhe. Kodwa uYesu wavuka engcwabeni, wayitshabalalisa iNyoka namandla ayo. Ngokuvuka kwakhe ekugqibeleni utyumza intloko yeNyoka, inyange lotshaba lwabantu bakaThixo. KuEstere, iinjongo zikaThixo ziza kusongwa ePeshiya. Kodwa kuYesu, izithembiso zikaThixo ekugqibeleni ziyanyaniseka ngokupheleleyo.
Akwaba uMoya oyiNgcwele angavula amehlo akho ubone uThixo ocwangcise intshabalalo yeentshaba zethu. Akwaba uYesu ungambona njengomntu owatyumza intloko yotshaba lwethu xa isithende sakhe sasixinge emnqamlezweni.
Malunga nesi Sicwangciso
Ibali elinamandla kakhulu likaEstere, eliphononongwa kwesi sicwangciso sokufunda seentsuku ezi4, lixela into eza kwenzeka ekuyindlela uYesu ngokwakhe awathi wazenza idini ngayo ukuze asisindise.Noxa igama likaThixo lingakhankanywa kule ncwadi, ulawulo lwakhe lweziganeko alunakuphikiswa, kwaye ubunganga nokuzidela kukaEstere kubonisa uthando lukaThixo nomsebenzi wakhe wokuzisa ithemba ehlabathini.
More
Sithanda ukubulela Spoken Gospel ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: http://www.spokengospel.com/