uEstereIsampulu
Ukuya kukumkani ungabizwanga loo nto sisigwebo sokufa, kwaye uKumkanikazi uEstere usandulukubeka ubomi bakhe ezandleni zikakumkani. Yena namaYuda baza kubulawa kabuhlungu ngaphandle kokuba ukumkani abonise inceba kwaye anike uEstere ithuba lokubuyisela umva ummiselo wokubulala uhlanga obhalwe nguHaman. Kodwa ngokuchasene noloyiko lwakhe, uEstere akafi. Endaweni yoko ukumkani unika uEstere ihafu yobukumkani bakhe. Esi sisenzo sokuqala kwezininzi zokugqebela—ukuyijika uyijikile into elindelekileyo.
Into elandelayo ejikwayo kukuba uEstere acele umgidi nokumkani kunye noHaman endaweni yokucela ubomi babantu bakhe. UEstere ugalelela ukumkani noHaman iwayiniandule amemele esi sibini sinxilileyo kwidinala kwakhona ngosuku olulandelayo. Xa uHaman eshiya ipati, uya kuModekayi osoloko ethe gqolo engavumi ukuthobela igunya lakhe. UHaman uyazibamba okomzuzwana kwaye ufika ekhaya. Ulibala uModekayi ngelixa ebhobhozela abahlobo bakhe nosapho ngethamsanqa lakhe, amandla akhe nokumenywa kwakhe kumgidi kakumkanikazi. Kodwa ingqumbo yakhe iyaphutshuluka kwaye umfazi wakhe uthiuHaman makabulale uModekayi ngokumxhoma kwisibonda esijinga iinyawo ezi75 emoyeni. Sisibonda esikhulu esingenakuthelekiswa nokuzingca okukhulu kukaHaman. Ke ngokulindelekileyo esi sicwangciso siyamvuyisa. Kanti ke kusekho okunye ukujika okundyondyayo.
UXerxes akakwazi kulala kwaye ucela ingxelo yasebhotwe ayifundelwe. Kuthe xa kufundwa umqulu, uXerxes wayiqonda into yokuba uModekayi wakha wamsindisa kwaye zange loo nto ikhunjulwe ngokufaneleyo. UHaman ugaleleka endlini, elungele ukubulala uModekayi ngelixa uXerxes elungele ukumkhumbula. UXerxes ubuza uHaman ukuba angayiwonga njani na indoda ethandwa ngukumkani. UHaman, esazi ukuba akukho mntu mkhulu kunaye, ulophoza lonke iwonga nombhiyozo anokuwunqwenela. Enochulumanco ngenxa yezicwangciso zikaHaman, uXerxes uthi kuye makazalisekise yonke iminqweno yakhe anokuyicinga akhumbule uModekayi, indoda aceba ukuyibulala. Ngokugqebelayo, igama likaHaman lithetha “okhunjulwayo.” Ngalo mzuzu umntu odumileyo onguHaman unyanzeleka ukukhumbula umntu oyedwa ongazange avume ukumkhumbula. Igama likaHaman liphoxekile kwaye inkosikazi kaHaman le nto liyibona njengehlola into eza kwenzeka. Inkosikazi eyakhuthaza uHaman ukuba abulale uModekayi ngokumngcungcuthekisa kwisibonda ngoku ihlola ukuba uHaman uza kungcungcuthekiswa ngentonga yakhe.
Kwangoko, uHaman umenywa komnye umgidi. Kodwa okokuqala, uEstere uveza into yokuba ungumYuda, nto leyo ethi uHaman wenze iyelenqe lokubulala ukumkanikazi kaXerxes. UHaman uyangxengxeza ukuba angabulawa, kodwa uXerxes wenza impazamo yokucinga ukuba oko kungxengxeza luhlaselo.Uyalela ukuba uHaman abulawe ngoko nangoko ngokuxhonywa kwisibonda esakhelwe uModekayi.
UThixo akakhankanywa konke kubukumkani bukaXerxes babangakholwayo. Endaweni yoko, sinikwa ubulungisa obubongwa kangangokuba ingakukungathembeki ukugqiba kwelithi akukho mbongi inyulu. Ngaloo mzuzu “okhunjulwayo”wayecinga ukuba uza kuwongwa, unyanzeleka ukukhumbula utshaba lwakhe; umgidi uHaman awayecinga ukuba uthetha ukunyuswa kwesikhundla sakhe waba kukuwa kwakhe, umzuzu wokungxengxeza kwakhe wathathwa njengohlaselo, nesibonda awayecinga siza kungqina iwonga lakhe elonakeleyo saba kukuphoxwa kwegama lakhe esidlangalaleni. UThixo ngumbhalimbali ogqebelayo, kwaye ubhala imbali ukuze ububi obucetywayo busoloko buhambelana nobubi obohlwayayo.
Kodwa elona yelenqe likhulu ngakubantu bakaThixo yayingengoHaman ePeshiya; yayinguSathana olwa noYesu. NjengoHaman, uSathana wenza konke anakho koBukumkani ukubulala utshaba lwakhe. NjengoHaman wakha imiqadi yeenkuni ukuze axhome uYesu. Kodwa ngokungafani nombhali onyulu wencwadi kaEstere ochitha ububi bukaHaman phambi kokuba benzeke, uYesu uyafa. Kodwa kwanjengokuba uEstere wayenemfihlelo eyachitha isicwangciso sikaHaman, kwakukho kananjalo imfihlelo efihlwe ekufeni kukaYesu. Okokuba uSathana nabaphathi bakhe babeyazile le mfihlelo, ngebabengazange bamxhome emnqamlezweni uYesu. Kwaye kwanjengokuba uModekayi amandla akhe aba ngaphezu kwakaHaman, uYesu waba namandla angaphezu kokufa ngokwako.
Akukho zipolitiki zingenabuthixo kangako kwaye akukho ngcwaba limnyama kangangokuba uThixo akanakulijika ngenxa yabantu bakhe. Noxa uThixo engenakubonwa, engenakuviwa kwaye engenakucingwa kuEstere okanye ebomini bethu, loo nto ayithethi kuthi uThixo akacebi luvuko noloyiso kwabo bamthembayo.
Ndithandazela ukuba uMoya oyiNgcwele uvule amehlo akho ubone uMbhali wembali ofihlakeleyo. Akwaba ungambona uYesu nomnqamlezo wakhe njengoloyiso lokugqibela lamayelenqe eentshaba zethu.
Malunga nesi Sicwangciso
Ibali elinamandla kakhulu likaEstere, eliphononongwa kwesi sicwangciso sokufunda seentsuku ezi4, lixela into eza kwenzeka ekuyindlela uYesu ngokwakhe awathi wazenza idini ngayo ukuze asisindise.Noxa igama likaThixo lingakhankanywa kule ncwadi, ulawulo lwakhe lweziganeko alunakuphikiswa, kwaye ubunganga nokuzidela kukaEstere kubonisa uthando lukaThixo nomsebenzi wakhe wokuzisa ithemba ehlabathini.
More
Sithanda ukubulela Spoken Gospel ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: http://www.spokengospel.com/