uEstereIsampulu

uEstere

Usuku 4 LWE 4

Kwizahluko zokugqibela zikaEstere simele ukuziva sinesiqabu kwaye sikhululekile. Akusekudala abantu bakaThixo ePeshiya bengasindiswanga ngothotho lwezinto ezijikwayo ezivusa umxhelo, kodwa iinkcukacha ezininzi ebalini ziyaxhalabisa.

UHaman ufile, kodwa ummiselo wakhe othi amaYuda makatshabalaliswe uhleli. UKumkanikazi uEstere ucela ukumkani ukuba awurhoxise lo mmiselo, kwaye uXerxes unika uEstere noModekayi igunya lokwenza loo nto. Abajiki nto ebhaliweyo koku kurhoxiswa kommiselo kaHaman, ovumela amaYuda ukuba azikhusele kwaye aziphindezele kwiintshaba zawo ngomhla we13 kaAda. Kodwa uModekayi, endaweni yokubambana nabantu bakhe, umka kwibhotwe likaXerxes enxibe njengekumkani yasePeshiya. Kodwa ke xa iindaba zokurhoxiswa zikaHaman noModekayi ziya zinwenwa, amaPeshiya kubo bonke ubukumkani bukaXerxes aba ngamaYuda kwaye abambana ngokunqula uThixo kaSirayeli.

Kuthe xa umhla we13 kuAda ufika, iintshaba ezazinethemba lokutshabalalisa amaYuda kwaske kwatshabalala zona. Noxa ummiselo kaModekayi wawuyivumela loo nto, sixelelwa ukuba amaYuda zange athathe maxhoba. Le asiyomfazwe yakuziphindezela, yimfazwe erhoxisa isono sekumkani yokuqala kaSirayeli, uSawule. Ngokuphikisana ngqo nemiyalelo kaThixo, uSawule wamxolela ubawokhulu woonyana bakaHaman waza waphanga umhlaba wakhe. Ngelixa amaYuda esongama ePeshiya, ayilumkele into yokungaphindi kwaeza zono zobukumkani bukaSawule. Kodwa kufuneka iqatshelwe into yokuba uThixo akayivumanga okanye akayiyalelanga le mfazwe intsha yamva.

Ngaphezu koko, uEstere ucela olunye usuku lwempindezelo kwikomkhulu lasePeshiya nokuba imizimba yoonyana bakaHaman iboniswe esidlangalaleni—ixhonywe emithini—ecaleni koyise. UModekayi lo mcimbi uwenza ngokusesikweni ufane nemigidi yamaPeshiya eqala ibali likaEstere. Umgidi ubizwa iPuri ngokwamaqashiso ayesetyenziswa nguHaman; akasengawo izinto zokufa, ngoku bubomi noloyiso. Kodwa ngokwemfazwe engagunyaziswanga, iPuri nguwo wodwa umgidi wamaYuda ngokweZibhalo ongasekwanga ngqo nguThixo. Kamnandi, incwadi iphela ngoXerxes esesetroneni yakhe, kwaye noModekayi unyuselwe kwindawo enamandla eyayisetyenziswa nguHaman ukuceba ukutshabalalisa amaYuda.

UEstere noModekayi ngamagorha, kodwa izenzo zabo zidla ngokukhwinisa. UEstere uyabufihla ubuYuda bakhe kwaye nemithetho yamaYuda uyayilahla. Bobabini banxiba imixhaka yobukumkani basePeshiya kwaye banamagama ezithixo zasePeshiya. Akukho ngxaki yakuziphatha abayicingayo njengoko uEstere engena kwigumbi lokulala likakumkani “ukumvuyisa.” UEstere uyalela ukuba imizimba yoonyana bakaHaman iphoxwe esidlangalaleni emva kosuku lwempindezelo engakhange iqalwe mntu. UModekayi, esenza izinto ezifana nezenziwe nguThixo kuphela ukuza kuthi gaa kwiZibhalo, useka umgidi wobukumkani bonke. Ukongeza kule ngxubakaxaka yokuziphatha njengoko amagorha ethu ezenza amaPeshiya, amaPeshiya aqalisa ukunqula ngokwamaYuda.

Kubuhlungu, ilizwe likaEstere lilizwe esilibonayo--- ilizwe apho uThixo ngathi uthule, ilizwe apho abo banegunya lokwenza izinto egameni likaThixo badla ngokwenza izinto ngokwabaphathi abacinezelwa ngabo. Sikwilizwe apho iicawe ezikhokela abantu ukuba benze njengoYesu ikwazezo cawe kanye ezenza izinto ngokukaXerxes onyelisayo.

Kodwa ezona ndaba zimnandi zencwadi efana nekaEstere eyingxubakaxaka ngokuziphatha zezokuba uThixo akanamida kumandla akhe okwenza okuhle nokusindisa nokuba na bonke abantu bayona. Ukufa kukaYesu kungqina kwale nto.Phambi kokuba uYesu afe, iinkokeli zakwaSirayeli zazifuna afe. Oompondozihlanjiwe baseRoma babe ngamagwala. Abaphulimthetho babenxanelwe igazi. Kuyo yonke loo nto yezenzo ezihle nemimangaliso eyayibonwe ngabalandeli bakaYesu kwaye nabo bayenza, bonke bamngcatsha, bamphika okanye bamlahla. Kodwa kwanjengeziganeko zencwadi kaEstere, amandla kaThixo ayengenamida yezenzo zala madoda nezabomama. Endaweni yoko, ububi, ingxushungxushu nengxubakaxaka yokuziphatha kwavula ikroba lovuko nobungqina bokuba uThixo angakurhoxisa ukufa kube luloyiso nobomi baphakade.

Ndithandazela ukuba uMoya oyiNgcwele avule amehlo akho umbone uThixo ongenamida yobubi babantu. Akwaba uYesu ungambona njengomntu ofayo ukuze ukufa akurhoxise ebomini.

Usuku 3

Malunga nesi Sicwangciso

uEstere

Ibali elinamandla kakhulu likaEstere, eliphononongwa kwesi sicwangciso sokufunda seentsuku ezi4, lixela into eza kwenzeka ekuyindlela uYesu ngokwakhe awathi wazenza idini ngayo ukuze asisindise.Noxa igama likaThixo lingakhankanywa kule ncwadi, ulawulo lwakhe lweziganeko alunakuphikiswa, kwaye ubunganga nokuzidela kukaEstere kubonisa uthando lukaThixo nomsebenzi wakhe wokuzisa ithemba ehlabathini.

More

Sithanda ukubulela Spoken Gospel ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: http://www.spokengospel.com/