Emveni kwezo zinto, ukumkani uAhaswerosi wamenza mkhulu uHaman unyana kaHamedata, umAgagi; wamphakamisa, wasimisa isihlalo sakhe ngaphezu kwabathetheli bonke ababenaye. Bonke abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, babeguqa, baqubude kuHaman; kuba wenjenjalo ukumkani ukuwisa umthetho ngaye; ke yena uMordekayi àkaguqa, àkaqubuda kuye. Abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, bathi kuMordekayi, Yini na ukuba uwugqithe umthetho wokumkani? Kwathi ke, bakumana ukutsho kuye imihla ngemihla, engaphulaphuli kubo, bamxelela uHaman, ukukhangela ukuba aya kuma na amazwi kaMordekayi. Kuba ubebaxelele ukuba yena ungumYuda. Wabona uHaman ukuba uMordekayi akaguqi, akaqubudi kuye; wasuka uHaman wazala ngumsindo. Wakucekisa ukuba amse izandla uMordekayi yedwa; kuba ubebaxelelwe abantu bakuloMordekayi; wangxamela ke uHaman ukuwatshabalalisa onke amaYuda abesebukumkanini bonke buka-Ahaswerosi, abantu bakuloMordekayi. Ngenyanga yokuqala (yinyanga enguNisan ke leyo), ngomnyaka weshumi elinesibini wokumkani uAhaswerosi, kwawiswa iPuri (liqashiso ke elo) phambi koHaman, imini ngemini, inyanga ngenyanga, yada yaba yeyeshumi elinesibini; yinyanga enguAdare ke leyo. Wathi uHaman kukumkani uAhaswerosi, Kukho abantu abathile abathe saa, abangené phakathi kwezizwe emazweni onke obukumkani bakho; nemithetho yabo yahlukile kweyabantu bonke, abayenzi imithetho yokumkani; akufanelekile kukumkani ukubayeka.
Funda UESTERE 3
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UESTERE 3:1-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo