Athi amadodana akwakumkani abelungiselela kuye, Ukumkani makafunelwe iintombi eziseziintombi, ezimbonakalo intle. Ukumkani makayalele abaphathi emazweni onke obukumkani bakhe, bahlanganise zonke iintombi eziseziintombi, ezimbonakalo intle, bazizìse eShushan komkhulu, endlwini yabafazi, phantsi kwesandla sikaHegayi, ithenwa lokumkani, umgcini wabafazi, zinikwe izinto zokuthambisa. Ize ithi intombi ethe yalunga emehlweni okumkani, ibe ngukumkanikazi esikhundleni sikaVashti. Lalunga elo lizwi emehlweni okumkani; wenjenjalo ke. Kwakukho ke eShushan komkhulu indoda engumYuda, egama linguMordekayi, unyana kaYahire, unyana kaShimehi, unyana kaKishe, indoda engumBhenjamin; eyayithinjiwe eYerusalem nabathinjwa, ababethinjwe noYekoniya ukumkani wakwaYuda, owathinjwa nguNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli. Yaye ingumondli kaHadasa (nguEstere ke lowo), intombi kayisekazi; ngokuba ebengenayise nanina. Intombi leyo yayimile kakuhle, intle nasebusweni. Emva kokufa kukayise nonina, uMordekayi wayithabatha yaba yintombi yakhe.
Funda UESTERE 2
Share
Compare All Versions: UESTERE 2:2-7
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos