ngomnyaka wesithathu wobukumkani bakhe, wabenzela isidlo bonke abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe; xa impi yamaPersi neyamaMedi, amawaba nabathetheli bamazwe, bebephambi kwakhe; akubon' ukuba ubonisa abantu ubutyebi obuzukileyo bobukumkani bakhe, nesihombo esinqabileyo sobukhulu bakhe imihla emininzi, imihla elikhulu elinamanci asibhozo. Ekuzalisekeni kwaloo mihla, ukumkani wabenzela isidlo bonke abantu abafumaneka eShushan komkhulu, kwathabathela kwabakhulu, kwesa kwabancinane, imihla yasixhenxe, entendelezweni yomyezo wendlu yokumkani. Amalengalenga ayengawelinen emhlophe, necikizekileyo, nemsi, ebotshwe ngeentsontelo zelinen ecikizekileyo nemfusa kumakhonkco esilivere, nakwiintsika zemarmore• emhlophe; izingqengqelo izezegolide nezesilivere, phezu kombekelelo wamatye aluhlaza, namhlophe, naziiperile,• namnyama.
Funda UESTERE 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UESTERE 1:3-6
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo