Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ukhokelo lukaThixoSample

Divine Direction

Usuku 7 LWE 7

Themba

Ndihlala e-Oklahoma apho isimo sezulu sinokutshintsha ngeyonandlela kwaye ngokukhawuleza. Ngomnye unyaka kweyoKwindla, Saba nosuku oluhle kakhulu lwelanga okwase ntwasahlobo kwaye amaqondo ephezulu engu-83. Ngosuku olulandelayo kwawa ikhephu ii-intshi ezintathu. Nangona olotshintsho lwalulukhulu nje, aluthathi nto xa lufaniswa nexesha lenkanyamba. Izaqhwithi zibonakala zijikeleza zivela nje apho kungaziwayo.

Kanye njengoko zisenza ebomini bethu.

Ndikhe ndathetha nebhinqa kumdlalo webhola ekhatywayo wonyana wam kutshanje, olwa nemicimbi yezempilo. Wachaza indlela awayekufutshane ngayo noThixo kwiminyaka eyadlulayo kwaye nendlela ewayehlala ebandakanyeka ngayo kwizinto zasecaweni yethu. Kodwa kwathi mhla waqala ukujongana neemeko ezimvavanyayo, wazibuza ukuba ingaba kutheni uThixo ekuvumela oko. Wabamba iinyembezi ngeenkophe xa wayesithi, “Ndingamnqula njani uThixo endingenakumthemba?”

Ngaba siyakumthemba ukuba uThixo ulungile nokuba ubomi abukhangeleki njalo?

Lombuzo walomfazi ubetha ngqo entliziyweni yezona zigqibo zinkulu zobomi. Ngaba siyakumthemba ukuba uThixo ulungile nokuba ubomi abukhangeleki njalo? Impendulo yethu ezintlungwini nakwimiceli mngeni ibonakalisa okuninzi malunga nekamva lethu.

Ngokwemvelo yalo, ukholo lufuna uthembele entweni—okanye emntwini—oko akunakusoloko kuqikelelwa okanye kuqondwa ngokwemigangatho yabantu. Ukuba sinyanisekile, Uninzi lwethu lufuna ubungqina obungenakuphikiswa bobukho obunobubele bukaThixo ebomini bethu.

Le asiyonto intsha. Khumbula uTomas othandabuzayo? Emva kokuba uYesu efile emnqamlezweni kwaye wavuka kwabafileyo, uTomas wathi akanako ukukholelwa ngaphandle kokuba abone ubungqina. Endaweni yokuba nomsindo kwaye amlahle ecaleni ngenxa yokuswela kwakhe ukholo, uYesu ngobabalo wabonisa uTomas izandla zakhe ezihlatyiweyo.

Kwaye khumbula abafundi kwisaqhwithi? Ke kwabakho isaqhwithi esikhulu, amaza aphoseka esikhitshaneni, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi. UMarko 4:37 XHO96. Phakathi kwesi saqhwithi, abafundi babengekho bodwa. UMarko usikhumbuza kwindinyana elandelayo ukuba uYesu wayesemva esikhepheni elele.

UnoYesu esikhepheni sakho, izaqhwithi zisenokunyikima, kodwa awuyi kuzika.

Abantu abafana nam nawe, lamfazi wayekumdlalo webhola ekhatywayo, uTomas, kunye nabafundi badla ngokucinga ukuba ngekhe sigqithe kwizaqhwithi ukuba uThixo unathi ngenene. Kodwa ayisiyiyo leyo. UnoYesu kwisikhephe sakho, izaqhwithi zisenokukunyikimisa, kodwa awuyi kuzika. Unawe, kwiimvulana zasentwasa hlobo nakweyona nkanyamba inkulu onokuyicinga.

Akakho nawe kuphela, kodwa ungakuwe. Kwaye ukuba ungakuwe, ngubani na ongakuchasayo? Thembela kuThixo ngento yonke ubukade uyibambile. Mthembe ngeqabane lakho elizayo. Mthembe ngabantwana bakho. Mthembe ngomsebenzi wakho. Mthembe ngempilo yakho. Mthembe ngeemali zakho.

Mthembe ngaphandle kokuzibamba.

Qha qwaba.

Thandaza: Bawo wethu oseMazulwini, Ndiyakuthemba ngalento ndizakuyiqala nendizakuyiyeka. Ndiyakuthemba ngendawo endizakuhlala kuyo nendizakuyishiya. Ndiyakuthemba ngokwaneleyo ukuba ndinganikela ngobomi bam ndisebenzele kwaye ndinxibelelane nabantu. Kwaye ndiyathemba ukuba ukhona ngenjongo phakathi kwezaqhwithi zobomi bam. Enkosi ngokuba nam, ngokukhokela amanyathelo am, kwaye undinika ulwalathiso lobuThixo. Amen.

Funda nzulu ngencwadi yam, "Divine Direction".

Day 6

Malunga nesi Sicwangciso

Divine Direction

Yonke imihla, senza ukhetho lwezinto ezakha ibali lobomi bethu, Ubomi bakho bungakhangeleka njani xa unokuba ngumakhwekhwetha ekwenzeni olokhetho? Kwisicwangciso seBhayibhile senkqubo kaThixo, Umbhali ogqwesileyo we-New York Times kwanomfundisi omkhulu waseLife.Church, uCraig Groeschel, ukukhuthaza ngemigaqo esixhenxe ecatshulwe kwincwadi yakhe ethi "Divine direction" ukuze akuncedise ekufumaneni ubulumko bukaThixo malunga nezigqibo zakho zemihla ngemihla. Fumanisa umkhombandlela wakwamoya owudingayo ukuze uphile ibali elimhloniphayo uThixo onokuthanda ukulibalisa.

More

Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: http://craiggroeschel.com/