Ukhokelo lukaThixoIsampulu
Yeka
Esinye sezigqibo ezilungileyo onokuzenza xa uziva unempembelelo okanye ujongene nobunzima obuphezulu sisigqibo sokuba uyeke. Thatha ixesha lokuphuma. Thandazela ukhokelo. Uyicinge ngelinye ixesha. Fumana ubulumko obuvela kuThixo kubantu obathembileyo kwaye ucinge ngeziphumo ezinokubakho. Emva koko, zibuze, “Ngaba le yinto ekufuneka ndiyiyeke kwaphela?”
Uninzi lwethu luneenjongo ezintle okanye indlela yokuzithethelela izinto esizenzayo. Ukanti yninzi lwethu lubonakala lothukile xa luzifumana lukude le kunendawo olufuna ukuya kulo. Olona tshintsho lukhulu ebomini bethu—olubi noluhle—kunqabile ukuba lwenzeke ngaphandle kothotho lwezigqibo ezifumbe ezinye ngaphezulu kwezinye njengeedomino ezingapheliyo.
Ngaba uyabona ukuba ukuyeka kungaba yenye yezona zinto zinemveliso kakhulu esizenzayo? Xa uyeka ujonge ukuba uphi kwaye ufuna ukuya phi, emva koko ungathatha isigqibo sokuba ungasondela njani kwindawo oya kuyo.
Yintoni ongayiyeka ukuze usondele kufutshane nolwalathiso lukaThixo?
Ngaba ikhona na into oyenzayo ekusa kwicala ongafuni ukuya kulo (okanye eli uThixo angafuni uye kulo)? Yintoni ekufuneka uyiyeke kwaphela? Ukubalikhoboka lemidiya yoluntu, utywala, ukubukela amanyala, imvume, okanye umsebenzi? Ubudlelwane obungenampilo? Isimo sengqondo esigwebayo? Yintoni ongayiyeka ukuze usondele kufutshane nolwalathiso lukaThixo? Phatha ukhetho ngalunye ngokungathi lilitye elilandelayo lokunyathela xa usiya kwindawo oya kuyo.
Xa isimilo okanye ubudlelwane busisa kwicala esaziyo ukuba lihambela kude kwibali esifuna ukulibalisa, kufuneka sime kancinci singajongi imiphumela kuphela kodwa ukhethe nokuyeka ukuhamba kwicala elingalunganga. Mhlawumbi ulivile igama elithi “guquka.” Enye yeentsingiselo zalo zoqobo kukujika. Xa uguquka, uyeka ukuya kwicala elinye ubuyele kuThixo neendlela zakhe.
Ngale ndlela, ukumisa ngokwenyani kuthetha ukunyathela kwicala elitsha. Kungafuneka usondelele ekuthatheni uxanduva, uxolelo, abahlobo abalungileyo, okanye indawo yokuhlala entsha.
Zibuze:
1. Ukuba ndenza olukhetho ndilucingayo, lungandisa phi?
2. Yintoni endinokuyiyeka ukuze ndisondele kulwalathiso lukaThixo?
Malunga nesi Sicwangciso
Yonke imihla, senza ukhetho lwezinto ezakha ibali lobomi bethu, Ubomi bakho bungakhangeleka njani xa unokuba ngumakhwekhwetha ekwenzeni olokhetho? Kwisicwangciso seBhayibhile senkqubo kaThixo, Umbhali ogqwesileyo we-New York Times kwanomfundisi omkhulu waseLife.Church, uCraig Groeschel, ukukhuthaza ngemigaqo esixhenxe ecatshulwe kwincwadi yakhe ethi "Divine direction" ukuze akuncedise ekufumaneni ubulumko bukaThixo malunga nezigqibo zakho zemihla ngemihla. Fumanisa umkhombandlela wakwamoya owudingayo ukuze uphile ibali elimhloniphayo uThixo onokuthanda ukulibalisa.
More