Ukhokelo lukaThixoIsampulu
Hamba
Ngaba uva into entsha isenzeka ebomini bakho? Ngaba ufuna into eyahlukileyo? Nokuba awuyiva ngoku, kusoloko kungumbono olungileyo ukugcina intliziyo yakho ilungele utshintsho ngoba lona lusisiqinisekiso.
Siye sathetha ngoku qala, yeka, no kuhlala. Ngamanye amaxesha esona sigqibo sihle onokuthi usenze ekufumaneni ulwalathiso lukaThixo kukuhamba.
Rhoqo sibizelwa ukuba sime ngxishi emhlabeni xa uxinzelelo lonyuka, kodwa amaxesha amaninzi kufuneka sithathe umngcipheko. Ngaba uziva ungonwabanga apho ukhoyo? Kusenokwenzeka ukuba uThixo utyale umnqweno ongcwele kuwe wokuba umkhonze ngendlela emangalisayo. Mhlawumbi Uye wakukhuthaza ngeqela elithile labantu, umbono, ingxaki, okanye indawo. Mhlawumbi Uyakubiza ukuba uhambe. Landela loo mkhondo kwaye ubone apho akusa khona. Yamkela olohambo lungaqhelekanga. Eyona ndlela yokutsiba kokholo kukufumana isiqalo esihle sokubaleka.
Kukho ibali elihle kwitestamente endala malunga noAbram noSarayi(Kamva bathiywa igama elinguAbraham noSara) elibonisa uku"hamba" ngokugqibeleleyo. KwiGenesis 12, UThixo wathetha noAbram. Ngela xesha, UAbram wayehlala kwidolophu ekwakuthiwa yiHaran kodwa wayevela kwisixeko esibizwa ngokuba yiUre yamaKaledi. Emva kwidolophu yakowabo uAbram eUre, abantu babenqula uthixo wenyanga wobuxoki ogama linguNannar.
Into ebalulekileyo kukuba uThixo oyinyaniso wakhetha ukuzityhila kuAbram. UThixo wanika uAbram umyalelo olula nongqalileyo: hambela kude kunayo yonke into owakha wayazi. “Shiya ilizwe lakho, abantu bakho nendlu kayihlo kwaye hamba uye kwilizwe endiza kukwalathisa lona.” iGenesis 12:1, gxininisa ulwam
Shiya kwaye uhambe.
Ukuya kwisiphelo sakho, kunga funeka uye kude nokhuseleko lwakho.
Ukuze uye kwenye indawo, kufuneka ushiye apho ukhoyo. Kufuneka ushiye into eyaziwayo, yintoni eqhelekileyo, yintoni onokuyiqikelela, kwaye yintoni elula. Ukuze uye kwisiphelo sakho, kunga funeka uye kude nokhuseleko lwakho.
Ngubani owaziyo ukuba uThixo uyakulibeka phi ibali lakho ukuba uyamvumela? Ngenye imini, kwiminyaka ezayo, uyakujonga emva ebomini bakho kwaye ulibone lonke ibali. Liyakuba yintoni? “Ndandiziva ngathi uThixo uyandibiza, kodwa ndandisoyika, ngoko ke andena nto.” Okanye uya kuba nohambo oluzele ukholo ozakulibalisa? Umahluko kukuba uyaya okanye awuhambi xa uThixo esithi, “Hamba.”
Buza: Yintoni le uThixo andibizela ukuba ndiyishiye? Ingaba undibizela phi?
Malunga nesi Sicwangciso
Yonke imihla, senza ukhetho lwezinto ezakha ibali lobomi bethu, Ubomi bakho bungakhangeleka njani xa unokuba ngumakhwekhwetha ekwenzeni olokhetho? Kwisicwangciso seBhayibhile senkqubo kaThixo, Umbhali ogqwesileyo we-New York Times kwanomfundisi omkhulu waseLife.Church, uCraig Groeschel, ukukhuthaza ngemigaqo esixhenxe ecatshulwe kwincwadi yakhe ethi "Divine direction" ukuze akuncedise ekufumaneni ubulumko bukaThixo malunga nezigqibo zakho zemihla ngemihla. Fumanisa umkhombandlela wakwamoya owudingayo ukuze uphile ibali elimhloniphayo uThixo onokuthanda ukulibalisa.
More