Ukhokelo lukaThixoSample
![Divine Direction](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F3670%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
Hlala
Ndikhe ndacinga amaxesha amaninzi malunga nendlela ubomi bam obuya kwahluka ngayo ukuba ndandiye ndancama xa ndandifuna. Ibali lam beliyakuba loluhlobo, “Ewe, ndandikhe ndacinga ukuba ndandimele kukuba ngumfundisi, ndakhe ndayizama kwaye izinto azange zihambe kakuhle. Zinjalo izinto kakade.”
Ndiqinisekile ukuba kuyakufuneka ulwe nemiceli mngeni kumaxesha ahlukeneyo obomi bakho: umqeshi ocinga ukuba awunakuze ukwazi umelana naye nosuku nje olunye, ubudlelwane obungakuphathi kakuhle, iphupha eliphelelwa yimithombo, intshukumo eye yasilela kwilindelo lakho. Xa ujongene nobunzima, kuyindalo ukuba uqwalasele esona sigqibo sikhulu, esiza kuyitshintsha impilo yakho. Ungabuza imibuzo efana nale.
- Ingaba ndingawathatha amathuba, ndiwuyeke lomsebenzi, ndikhangele enye into?
- Emva kokuba iqabane lam lindikrexezele—ingaba lixesha lokuba ndiqhubekele phambili?
- Ingaba ndinganako ukuliqhuba elishishini? Ngaba kufuneka ndizinciphise iilahleko zam ngaphambi kokuba izinto zibe mbi ngakumbi?
Kulemizekelo ngaminye—kunye nakolona khetho lubalulekileyo lobomi—ingaba kukho umbandela ojongene nawo endleleni, kwaye lixesha lokuba uthathe isigqibo: ingaba mandi hlale okanye ndisuke?
Ingaba ndikhetha ukunikezele ngoba yinto elungileyo emandiyenze okanye kukhangeleka ngathi uhambo lungaba lula?
Amaxesha amaninzi esona sigqibo silungileyo kwaye sibuyekeza kakhulu ongasithatha kukuba uhlale apho ukhoyo nokuba kungalula ukuba uguquke ushiye. Anditsho ukuba akunakuze kufuneka ukuba ushiye. Kodwa phambi kokuba uthathe isigqibo, zibuze, “Ingaba ndikhetha ukunikezela kuba iyeyona nto ilungileyo okanye ngoba kukhangeleka ngathi ukuhamba kunga kokona kulula?” Ngamanye amaxesha esona senzo sikhulu sokholo kukuthembakala, ukuhlala apho utyalwe khona. Iminyaka ukusukela ngoku ungakhangela ngasemva kwaye umbulelo uThixo ukuba wathatha isigqibo sokuba uhlale xa kwakukhangeleka kulula ukuba uncame.
Khumbula, uThixo wakudala ngokomfanekiso Wakhe kwaye Nguye imbangi nomgqibelelisi webali lakho. Awunguye oweyisakalayo. Ungogqibayo.
Thandaza: Thixo, ingaba ikhona into endizama ukuyishiya ofuna ndihlale kuyo de ndiyigqibe? Ndicela undinike amandla Akho ndiqhubele phambili? Amen.
Malunga nesi Sicwangciso
![Divine Direction](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F3670%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
Yonke imihla, senza ukhetho lwezinto ezakha ibali lobomi bethu, Ubomi bakho bungakhangeleka njani xa unokuba ngumakhwekhwetha ekwenzeni olokhetho? Kwisicwangciso seBhayibhile senkqubo kaThixo, Umbhali ogqwesileyo we-New York Times kwanomfundisi omkhulu waseLife.Church, uCraig Groeschel, ukukhuthaza ngemigaqo esixhenxe ecatshulwe kwincwadi yakhe ethi "Divine direction" ukuze akuncedise ekufumaneni ubulumko bukaThixo malunga nezigqibo zakho zemihla ngemihla. Fumanisa umkhombandlela wakwamoya owudingayo ukuze uphile ibali elimhloniphayo uThixo onokuthanda ukulibalisa.
More