Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ukhokelo lukaThixoSample

Divine Direction

Usuku 5 LWE 7

Khonza

Ukunceda abanye akuzizeli kum. Ndingumntu ozicingela yedwa. Ndiyithanda ngendlela yam. Asiyonto ndizingcayo ngayo, kodwa ngelishwa, iyinyani.

Ayindim ndedwa. Sonke sinokuba ngabantu abazicingela bodwa. Ngokwemvelo, singabantu abazicingelayo. Kha ufane ucinge: akunyanzelekanga ukuba ufundise umntwana ukuba azicingele. Ngokuka Yesu, ubomi abukho malunga nathi bonke, ukanti yonke into kwinkcubeko yethu (kubandakanya naloo ndawo ye-burger) izama ukusixelela ukuba senze ngendlela yethu.

Enye yeendlela ezikhawulezileyo zokulibala ngoThixo kukuthi phe "sisiqu sakho." UYesu wayenamazwi athe ngqo kwabo bafuna ukumlandela. Uthe, "Lowo ufuna ukuba ngumfundi wam, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele." uMateyu 16:24 XHO96

UThixo ufuna ukuba senze ngendlela Yakhe . Kwaye akathethi ngenyama eyongezelelweyo, yiyeke ilethisi.

Sisathetha ngokutya, uYesu wenza ingxelo ekufuneka isenze sime kancinci ngaphambi kokuthenga ibhega yethu elandelayo. "Okwam ukutya ... kukwenza ukuthanda kwalowo undithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe." UYohane 4:34

Kha ufane ucinge xa ​​usithi, "Okwam ukutya kukukhonza uThixo. Okwam ukutya kukumkholisa. Okwam ukutya kukugqiba umsebenzi endiwuthunyelwe nguThixo. Okwam ukutya kukwenza ukuthanda kukaBawo nokugqiba umsebenzi waKhe. Olo luhlobo lokondla olwahlukileyo. Oko kukuphila ngolwalathiso lobuThixo.

Xa yonke inkcubeko isithi, "Zigcwalise," uThixo usixelela ukuba sigcwalise abanye.

Xa abantu abasingqongileyo besithi, "Fumana konke onako! Konke kumalunga nawe, "uThixo ufuna ukuba senze igalelo kunokuba silisebenzise. Xa yonke inkcubeko isithi, "Zigcwalise," uThixo usixelela ukuba sigcwalise abanye. UThixo akasidalelanga ukuba sithathe. Usidale ukuba sikwazi ukupha. Endaweni yokujonga kwiminqweno yethu, sibizelwe ukuba sigxile kwiimfuno zabanye. Endaweni yokusika ngaphambili emgceni, sibizelwe ukuba silinde ekugqibeleni. UThixo wasidala ukuba sikhonze.

Olu hlobo lokuphila luya kutshintsha ibali lakho.

Yicinge. Amabali othanda ukukhumbula ngawo ngalawo xa uncede ummelwane wakho, wabandakanyeka ecaweni, okanye wanika into. Kungenxa yokuba senziwa ukuba sikhonze kanye njengokuba uYesu wenzayo emhlabeni. Isigqibo sokukhonza unokusiva singaqhelekanga kuwe. Yayikade ingeyonto yam. Kodwa ndiye ndabona ukuba ukukhonza asiyonto siyenzayo Ukuba ngumkhonzi ngulowo sibizelwe ukubanguye . Kuba xa sikhonza, sifana noKristu.

Thandaza: Thixo, unditsalela njani ukuba ndikhonze? Undibizela ukuba ndikhonze bani? Undibizela ukukhonza phi?

Day 4Day 6

Malunga nesi Sicwangciso

Divine Direction

Yonke imihla, senza ukhetho lwezinto ezakha ibali lobomi bethu, Ubomi bakho bungakhangeleka njani xa unokuba ngumakhwekhwetha ekwenzeni olokhetho? Kwisicwangciso seBhayibhile senkqubo kaThixo, Umbhali ogqwesileyo we-New York Times kwanomfundisi omkhulu waseLife.Church, uCraig Groeschel, ukukhuthaza ngemigaqo esixhenxe ecatshulwe kwincwadi yakhe ethi "Divine direction" ukuze akuncedise ekufumaneni ubulumko bukaThixo malunga nezigqibo zakho zemihla ngemihla. Fumanisa umkhombandlela wakwamoya owudingayo ukuze uphile ibali elimhloniphayo uThixo onokuthanda ukulibalisa.

More

Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: http://craiggroeschel.com/