Ukhokelo lukaThixoIsampulu
Qala
Yonke imihla senza ukhetho olwakha ibali lobomi bethu. Ngaba buya kujongeka njani ubomi bakho ukuba uvumela imigaqo kaThixo ikhokele olo khetho? Kuleveki ilandelayo, siza kuqala ukuphonononga imigaqo esixhenxe esuka kwincwadi yam iDivine Direction ukukunceda ufumane ubulumko bukaThixo ngezigqibo zakho zemihla ngemihla.
Ukuba umntu angakucela umbalisele ibali lobomi bakho, ungathini?
Ungaqala ngendawo ozalelwe kuyo kunye nendlela okhule ngayo. Unokukhankanya uthando lwakho lokuqala. Mhlawumbi ungathetha ngohambo olukhulu olwenziwa lusapho lwakho okanye mhla waya ekholejini. Ukuba utshatile, ungachaza indlela owadibana ngayo neqabane lakho. Ukuba awutshatanga, usenokuchaza ukuba kutheni. Ukuba ungumzali, usenokubukisa iifoto kwifowuni yakho kwaye ubonise ngosapho lwakho. Okanye mhlawumbi unokuchaza indlela yakho yomsebenzi. Yintoni esebalini lakho?
Uninzi lwethu lunezahluko esikhetha ukungabelani ngazo nabani na. Mhlawumbi uphelele kwindawo ongazange wafuna ukuba kuyo. Awuzange uzimisele ukuyimosha, kodwa wayimosha. Wathabatha izigqibo ezakusa kude le kuna lendawo wawucinga ukuya kuyo. Wenza izinto ezakubiza ngaphezulu kokuba wawucinga uyawuze ubhatale. Wakhathaza abantu. Uye walalanisa kwimilinganiselo yakho. Uphule izithembiso. Uzenzile izinto oziva ngathi awunakho ukuzilungisa.
Alikapheli ibali lakho. Akukashiywa lixesha lokutshintsha ibali oza kulibalisa ngenye imini.
Kukho iindaba ezilungileyo: alikapheli ibali lakho. Akukashiywa lixesha lokutshintsha ibali oza kulibalisa ngenye imini. Nokuba wenze ntoni (okanye awenzanga ni), ikamva lakho alikabhalwa. Unoloyiso olukhulu oseza kuluzuza, abahlobo abaninzi oseza kudibana nabo, umahluko omkhulu oseza kuwenza, ubulungisa bukaThixo obuninzi oseza buva. Nokuba uyayithanda okanye awuyithandi imeko yebali ukuza kuthi ga ngoku, ngonceda lukaThixo, ungaliguqula ibali lakho libe lelinye onebhongo lokwabelana ngalo.
Nantsi enye indlela yokutshintsha ibali lakho: qala into entsha.
Nokuba awuqinisekanga kangakanani, uyoyika, okanye uziva ubambekile ngoku, ibali lakho liyaqhubeka namhlanje. Yintoni ozakuyiqala namhlanje? Ukuthandaza yonke imihla neqabane lakho? Ukufunda isiCwangciso seBhayibhile seYouVersion yonke imihla? Ukuya kufumana iingcebiso ngokujongana nemicimbi engasonjululwanga? Ukuphila nesisa esikhulu? Ukukhonzisa ecaweni yakho okanye kwindawo ohlala kuyo? Ngoku lixesha elifanelekileyo lokuyibhala phantsi. Vula indawo yokubhala amanqaku akho, ubhale iingcinga zakho. Sukuyicinga kakhulu le nto. Kodwa thatha umzuzwana uyibhale ephepheni. Isivakalisi okanye ezimbini.
Zibuze: Yintoni ekufuneka ndiqale ndiyenze ukuze ndihambele kufutshane necala lebali lobomi endifuna ukulibalisa?
Funda banzi ngencwadi yam, i"Divine Direction".
Esi siCwangciso seBhayibhile sichatshulwe kwincwadi, i"Divine Direction", ngemvume esuka kwiZondervan. Umxholo utshintshelwe ukuyenza mfutshane.
Malunga nesi Sicwangciso
Yonke imihla, senza ukhetho lwezinto ezakha ibali lobomi bethu, Ubomi bakho bungakhangeleka njani xa unokuba ngumakhwekhwetha ekwenzeni olokhetho? Kwisicwangciso seBhayibhile senkqubo kaThixo, Umbhali ogqwesileyo we-New York Times kwanomfundisi omkhulu waseLife.Church, uCraig Groeschel, ukukhuthaza ngemigaqo esixhenxe ecatshulwe kwincwadi yakhe ethi "Divine direction" ukuze akuncedise ekufumaneni ubulumko bukaThixo malunga nezigqibo zakho zemihla ngemihla. Fumanisa umkhombandlela wakwamoya owudingayo ukuze uphile ibali elimhloniphayo uThixo onokuthanda ukulibalisa.
More