Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ukhokelo lukaThixoSample

Divine Direction

Usuku 6 LWE 7

Qhagamshela

Ndithe ndakuqonda ukuba ndenzelwe ukuba ndingasebenzi ecaweni kuphela, kodwa ndikhonze nabanye njengebandla, ukunxibelelana nabantu kwaba yeyona nto iphambili. Awunakho ukukhonza ngaphandle kokuqhagamshela. Kwaye ukuba ngubani onxibelelana naye kuza kutshintsha amabali owabalisayo ngomso. Oku bekuyinyani kuyo yonke imbali. Khawucinge nje ngendoda eyabhala ngaphezulu kwesinye kwisithathu seTestamente eNtsha, umpostile uPawulos.

UPawulos wayengasoloko engumKristu. Ngaphambi kokuba abe ngumlandeli kaYesu, wayenguSawule owayevela kwisixeko saseTarso, Indoda enomsindo eyayitshutshisa ibulala amaKristu. Ukuba awulithandi iqela likaYesu, ubungamthanda uSawule. Kodwa emva kokuthatha ubomi babo bakholelwa ukuba uYesu wavuswa kwabafileyo, UPawulos waba ngomnye wabo okwakhe.

Inguqu yakhe yayinkulu kakhulu, igqibelele, Itshintsha ubomi kangangokuba uSawule (owathi wabizwa ngokuba nguPawulos) kwangoko wafuna ukuxelela abanye ngoYesu. Ingxaki yayikukuba akukho maKristu amthembayo ngezizathu ezicacileyo.

Incwadi yeZenzo ikubeka ngokulula: Xa u[Sawule] efika eJerusalema, wamana elinga ukuzibandakanya nabafundi, kodwa bamoyika bonke, bengakholwa ukuba ungumfundi. Izenzo 9:26 XHO75. Awunakubabeka ityala abafundi ngenxa yokuthandabuza kwabo. Andinakufuna ukuba umntu obebulala amaKristu kwinyanga ephelileyo akhokele isifundo sam seBhayibhile! Ungafuna wena?

UPawulos wayenengxaki. Wayengathembeki kwamanye amaKristu. UPawulos wafikelela nakubani na onokumnika ithuba lokuba abelane naye ngolweyiseko lwakhe olutsha. Isigqibo sikaPawulos sokuzidibanisa nabanye asitshintshanga nje ibali lakhe; satshintsha imbali. Yabonani, uPawulos wayeshota ngomhlobo nje omnye ukuba atshintshe umkhondo wekamva lakhe. Kwaye lomhlobo yindoda egama linguBharnabhas. 

Nawe ingaba ushota ngomhlobo omnye utshintshe impilo yakho.

Namhlanje uza kufunda ngexesha apho uBharnabhas wathatha umngcipheko ngokusa uPawulos kubapostile, ababengaba khokeli bababantu, uPawulos wayezama ukuba bulala ebomini bakhe bangaphambili. Kwenzeka ntoni? uBharnabhas ongumhlobo kaPawulos omtsha wabeka igama lakhe emngciphekweni ngenxa ka Pawulos. Kwaye ngenxa ka Bharnabhas, abanye abafundi banika uPawulos ithuba. Enye nenye yimbali. Ingabubudlelwane nje obunye obunokwenza utshintshe ibali lakho.

Ngumhlobo nje omnye onokwenza umtshato wakho ubengcono. Ingakukuzityanda kubekanye okunokwenza ukuba ukhululeke kumakhamandela okuxhomekeka. Lunxibelelwano nje olunye olunokwenza ubekwisimo esingcono. Ngumcebisi nje omnye onokubangela uziqonde ngcono izipho ozinikiweyo kwaye ubeyinkokheli engcono.

Zibuze: Ingaba yintoni ekufuneka ndiyenzile ukuze ndiqhagamshelane nabantu abalungileyo? Ingaba ukhona umntu ekufuneka ndizinqamle kuye?

Day 5Day 7

Malunga nesi Sicwangciso

Divine Direction

Yonke imihla, senza ukhetho lwezinto ezakha ibali lobomi bethu, Ubomi bakho bungakhangeleka njani xa unokuba ngumakhwekhwetha ekwenzeni olokhetho? Kwisicwangciso seBhayibhile senkqubo kaThixo, Umbhali ogqwesileyo we-New York Times kwanomfundisi omkhulu waseLife.Church, uCraig Groeschel, ukukhuthaza ngemigaqo esixhenxe ecatshulwe kwincwadi yakhe ethi "Divine direction" ukuze akuncedise ekufumaneni ubulumko bukaThixo malunga nezigqibo zakho zemihla ngemihla. Fumanisa umkhombandlela wakwamoya owudingayo ukuze uphile ibali elimhloniphayo uThixo onokuthanda ukulibalisa.

More

Sithanda ukubulela umfundisi uCraig Groeschel kwakunye neLife.Church ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: http://craiggroeschel.com/