Umceli-mngeni ka Phil Dooley weentsuku ezi-5 wokukhula kwamadodaIsampulu
UShadraki, uMeshaki noAbhednigo. La magorha ethu alandelayo, baanyaniseka abajika bephantsi koxinizelelo olungamandla. Nangona imeko yabo ibaxekile, ingxaki yabo yingxaki yethu yalamaxesha siphila kuwo. Umngeni wokuhlala sinyanisekile kuThixo, kwilizwe elinezithethe ezingamhloneliyo uThixo.
UShadraki, Meshaki no Abhednigo bangooHabhakuki bexesha labo. Bathinjelwa eBhabhiloni, basuswa kwindawo engacacanga bonyuselwa kwizikhundla eziphakamileyo nasebutyebini bukaKumkani uNebhukadinetsare, basigcina isidima sabo bahlala bethembekile elukholweni lwabo.
Ukuthembeka kwabo kwakunye nentobeko yabo, ezo zinto azibenzanga lula ubom. Phofu, bathe xa bengavumi ukuqubuda phambi komfanekiso wegolide obekwe ngukumkani uNebhukadinetsare, wathi mabafakwe kwiziko lo mlilo ogqumayo, oqondo lobushushu liphinda-phindwe kasixhenxe, ngokomyalelo kakumkani.
Umlilo umele izilingo neembandezelo. Ukhe ubone xa usithi wenza yonke into ofanele ukuyenza, uhamba noThixo, uyaluthanda usapho lwakho, usebenza nzima, uyanikela, uyabanceda abantu – kodwa ujike uzibone usembandezelweni?
Ubukhulu becala, iziko lomlilo litshisa kakhulu, ngakumbi xa uthembekile kuThixo. ‘Ngoba kutheni?!’ unokubuza. Kuba kukho into uThixo ayenzayo ebomini bakho. Iziko lomlilo licokisa isimilo, njengomlilo ocokisa igolide, lisusa ukungcola neendawo ezibuthathaka. Likuxhobisa ngokukhalipha, ngokholo, nenyameko kuba ufuna aboyisi ukuze ufezekiswe umsebenzi wakhe.
Othi ukwenze xa usezikweni lomlilo, kubonakalisa indlela ozakuyihamba ebomini. Iziko lomlilo likwayiyo nendlela esisiphambuka. Ukuba ubambelela kuThixo xa usezilingweni - endaweni yokukhangela undlela-lula, okanye endaweni yokuthoba umgangatho wokugqibelela nowesazela sakho – iimbandezelo nobunzima ziyakukwakha azisayikukutshabalalisa.
Bebotshelelwe, izandla neenyawo, UShadraki, Meshaki noAbhednigo baphoselwa kumalangatye omlilo. Kodwa, uthe ukumkani uNebhukadinetsare xa ejonga kwakhona, wabona ‘umntu, ofana noNyana ka Thixo’ (Daniyeli 3:25, NKJV eguqulelweyo) ubonwe ekunye nabo kwiziko lo mlilo. Izinto la madodana mathathu aphulukana nazo emlilweni ngamakhamandela okanye izithintelo zabo. UThixo akazokubanawe nje xa usemlilweni, uzakuwusebenzisa akukhulule kwizinto ezikubambezeleyo.
Ingaba uShadraki, Meshaki no Abhednigo bebenokusi balisela ntoni ukuba bebelapha namhlanje? Mhlawumbi bebezakuthi: ‘Awunakuliphepha iziko lomlilo wobomi, okanye uthekelele iziphumo zalo, kodwa ke ungakwazi okanye ungathembela kulowo uyakuba nawe emlilweni. Akasayi kuze oyisakale okanye akushiye okanye asiyekelele isandla sakhe akubambe ngaso.
Malunga nesi Sicwangciso
Ubudoda buqulathe lukhulu ngaphezu koko ihlabathi lifuna sikwazi. Kulomngeni wokukhula sizakukhangela ubomi bamagorha amathandathu aseBhayibhileni kunye nobom balowo ungelogorha. Lamadoda ayejongene nemingeni efanyo nale sijongene nayo namhlanje. Impumelelo yabo (okanye ukungaphumeleli kwabo) kunxulumene nqo nobudlelwane babo noThix.
More
Sithanda ukubonga i-Hillsong South Africa ngokubonelela esi sicwangciso. Ngolwazi olungakumbi, nceda u tyelele: http://phildooley.com/