Umceli-mngeni ka Phil Dooley weentsuku ezi-5 wokukhula kwamadodaIsampulu
UHabhakuki ongumprofethi kwiTestamente endala uphila kwixesha lobubi. Ngumbhodamo kwaYuda kwaye amaBhabheli (ayesele ewatyumzile amaYiphutha namaAsirya) esemasangweni abo. Enexhala enxunguphele, uHabhakuki waya ngqo kuThixo wakhupha okusembilini yakhe: ‘Kode kube nini ndikhala kuwe ungandimameli, kufuneka ndikhwaze kangaphi ndisithi ‘Uncedo, ndiyaphela, aph’amapolisa’ ukuze uzokundihlangula. Kutheni undinyanzela ukuba ndijongane nobubi, imihla ngemihla ndiyithi ntsho emehlweni imbandezelo? (Habhakuki 1:1-4, MSG eguqulelweyo).
Naku ukwenzeka: uThixo unenzondelelo xa uvutha ngumsindo. Qha ufuna uwukhuphele phambi kwakhe umsindo, njengoko uHabhakuki enze njalo apha. UYesu xa esithi ‘Yizani kum, nonke nina nibulalekayo, nisindwayo’, Akalindelanga ukuba kuzakufika abantu abandilisekileyo, abazolileyo, abathi xa bethetha ‘Yesu othandekayo…’ Jonga ukuba uHabhakuki, uthini, ‘Kutheni ungandiva nje, Nkosi?! Wenzani?!
UThixo uxelela uHabhakuki ukuba uzakuthumela amaBhabheli ohlwaye uYuda, nto leyo uHabhakuki angafuni nokuyamkela, wasuka wacaphuka ngakumbi. Phofu ke, akukho nanye ingxaki kaHabhakuki esonjululwayo kulentlanganiso yakhe noThixo. Kodwa ke uHabhakuki waphela ebhiyoza edumisa iNkosi. Kwakutheni aze enze njalo uHabhakuki?
Kuba xa esizisa umthwalo wakhe wonke eNkosini, uThixo uyawuphungula, amphumze utsho uhlaziyeke umphefumlo kaHabhakuki, yile nto kanye ke uYesu asithembisa yona (kuMateyu 11:28, AMPC) xa sizisa imithwalo yeth kuYe.
UHabhakuki ukhuphela kuThixo imbilini yakhe de ayiqongqothe kungasali nto, kwaye uThixo yena umgcwalise ngobabalo lwakhe – ngamanye amazwi yonke into ezakuba yimfuneko ukuze akwazi ukuqubisana nemingeni ezayo, equka isabelo esifanelekileyo sovuyo noxolo.
Akufunekanga silinde de sibesengxakini okanye kubekho intlekele ukuze siye kuThixo sithethe naye ngokungafihlisiyo, okanye incoko ekwelinqanaba lokunyaniseka, nobuhlobo obusenyongweni. Singaqalisa na ngoku. Xa simane sizisondeza kuThixo, utsho naye abenento anokusebenza ngayo. Xa siphambi kobuso bakhe ubudlelwane phakathi kwethu naye buyomelezwa, ukholo luyaqiniswa, imiphefumlo yethu ifumana ukuphumla, njengoko yafunyaniswayo loo nto nguHabhakuki.
Ukukhuphela imbilini yakho kuThixo ngumkhwa omhle wobugorha ekufuneka siwuhlwayele. Ukumkani uDavide wayenza loo nto, ukuze uThixo athi uDavide yindoda esenyongweni Yakhe (Izenzo 13:22). Kufuneka isibindi ukuzigocagoca, ukunyaniseka neziqu zethu, ukuqubisana nemingeni yethu, ukuyizisa kuThixo imingeni, ukuzityanda igila. Inzuzo ibankulu kakhulu.
Ebezakuthini apha kuthi uHabhakuki ukuba ebesaphila namhlanje? Mhlawumbi ebezakusixelela kak’hle ukuba ‘Thathani imithwalo yenu yonke niyise kuThixo. Ungawagxobhagxobhi amazwi akho okanye uyilungiselele indlela othetha ngayo. Ukubeka yonke into elubala kusisondeza kuThixo, uye azibonakalise, kwaye luyakutsho lukhule lomelele ukholo lwakho.’
Malunga nesi Sicwangciso
Ubudoda buqulathe lukhulu ngaphezu koko ihlabathi lifuna sikwazi. Kulomngeni wokukhula sizakukhangela ubomi bamagorha amathandathu aseBhayibhileni kunye nobom balowo ungelogorha. Lamadoda ayejongene nemingeni efanyo nale sijongene nayo namhlanje. Impumelelo yabo (okanye ukungaphumeleli kwabo) kunxulumene nqo nobudlelwane babo noThix.
More
Sithanda ukubonga i-Hillsong South Africa ngokubonelela esi sicwangciso. Ngolwazi olungakumbi, nceda u tyelele: http://phildooley.com/