Umceli-mngeni ka Phil Dooley weentsuku ezi-5 wokukhula kwamadodaIsampulu
UEliya, ligorha lethu elilandelayo. UEliya ungoyena mprofethi udumileyo, kwaye ungomnye wabantu ababenesidima nesithozela kwiTestamente yonke endala.
UThixo uthumela uEliya ukuba ayokuhlangula amaSirayeli ekunquleni uBhali. UEliya ucela umgeni kubaprofite bakaBhahali kuqubiswano entabeni yeKarmele waphumelela ngaphandle kwamathandabuzo. Basuke abantu bawangobuso batsho bathi: ‘UYehova nguye uThixo!’ Waze uEliya wababulala boli-450 abaprofethi bakaBhahali, wathandazela imvula ukuba iphelise imbalela (imvula enkulu yalandela), emva koko wabalekela kwidolophu elikomkhulu iYezereli.
Eyezereli zaqalisa ukutyhileka izinto kuEliya. Ikumkanikazi uJezebhele ivile ukuba uEliya ubanqunqile abaprofethi bakaBhahali wamthumelela lo myalezo: ‘Mabandohlwaye oothixo nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba lide lafika ingomso ungekabi njengabo abo bashumayeli bakaBhali.’ (1YooKumkani19:2, XHO96)
Ukuzothi ga ngoku ngumhlola, xa ucinga ngazo zonke iizenzo zakhe zobugorha, kodwa uEliya ubonakala engenwa luloyiko waze wacela kwabanentsente (wabaleka). Kwenzekeni?!
UEliya ufikelele emdeni wakhe. Ngamanye amazwi, amandla aphelile. Ngaphezulu koko, neziphako zakhe. Wabaleka wayokutso ngapha eJezereli ecinga ukuba uzakuhlaziyeka khona, ukufika kwakhe apho azizange ziguquke izinto. Nangona ezame kangangoko anako, akaphumelelanga ekusindiseni uSirayeli. Ngoku udane umanzi.
Ukudana kungasifaka engxakini. Xuba nokudinwa phakathi, kuvele nje kubengathi kubi ngokuphinda-phindene kalishumi. Phantsi kwezimeko, thina madoda, siyarhoxa. sibalekela emqolombeni wamadoda okanye kwibala legalufa. Sichitha ixesha elinizi sibukele ezemidlalo, okanye sibalekele kwimikhuba yakwantshabalalo, usele utywala kakhulu okanye ubukele ezesondo.
UEliya wazirhoxisa naye. Uhamba uya entlango, afike ahlale phantsi komthi, athandazele ukufa. ‘Kwanele ngoku Yehova,’ athi, ‘wuthabathe umphefumlo wam …’ (Ookumkani 19:4 XHO75).
Amaxesha amaninzi xa sisengxakini, siyadinwa kakhulu, njengo Eliya apha. Kufuneka (ngaphandle kokuba indlu iyatsha) siphumle sikhoke amandla. Ndiyasithanda esisicatshulwa somdlali webhola waseMelika uVince Lombardi: ‘Ukutyhafa kusenza amagwala sonke.’
UThixo uyayiqonda ukuba imizimba yethu inemida yayo. Ingelosi kaThixo ilungisela uEliya ukutya, imvuse imkhuthaze ukuba atye kuba uhambo luse lude.
Uyabona, isiphako ayisosiphelo, nokuba ingathi kuphelile. NoThixo akakagqibi ngoEliya. Eliyinyani lelokuba, izicwangciso zikaThixo ngoEliya noSirayeli ziyaqhubekeka. UThixo uthumela uEliya ukuba ayokuthambisa iikumkani ezimbini, noElisha owayezakuthabatha indawo kaEliya. Emva koko, eNtabeni yemiNquba uThixo udibanisa uEliya noMosisi, pho bathi bathethe khona no Yesu ngecebo lokwenyani likaThixo lokusindisa, hayi uSirayeli yedwa, koko uluntu luphela.
Ingaba uEliya ebenokuthini kuthi ukuba ebesaphila namhlanje, Mhlawumbi ebezakuthi: ‘Yomelela! Musa ukutyhafa. UThixo unawe kule nyewe. UliLiwa lakho, ulikhaka, umkhuseli wakho, ungumomelezi wakho, umncedi wakho. Kwaye akanasiphako.’
Malunga nesi Sicwangciso
Ubudoda buqulathe lukhulu ngaphezu koko ihlabathi lifuna sikwazi. Kulomngeni wokukhula sizakukhangela ubomi bamagorha amathandathu aseBhayibhileni kunye nobom balowo ungelogorha. Lamadoda ayejongene nemingeni efanyo nale sijongene nayo namhlanje. Impumelelo yabo (okanye ukungaphumeleli kwabo) kunxulumene nqo nobudlelwane babo noThix.
More
Sithanda ukubonga i-Hillsong South Africa ngokubonelela esi sicwangciso. Ngolwazi olungakumbi, nceda u tyelele: http://phildooley.com/