Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka waya entabeni, esiya kuthandaza. Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela. Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, engooMoses noEliya, ababonakalayo besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.
Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye. Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha. Masenze ke iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya; watsho engayazi into ayithethayo.
Kuthe ke, akubon' ukuba uthethe ezo zinto, kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho. Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bahlala bathi cwaka bona, àbabikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.