ULUKA 9:28-36
ULUKA 9:28-36 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi, malunga neveki emva kokuba uYesu ezithethile ezi zinto, wathatha uPetros noYohane noYakobi, wenyuka nabo waya entabeni, esiya kuthandaza. Kwathi ethandaza njalo, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nesambatho sakhe siqaqambile, simenyezela. Kwavela amadoda amabini, uMosis noEliya, bathetha naye. Babebengezela, baza bancokola naye ngokunduluka kwakhe okwakumele ukuba seJerusalem. Ke kaloku uPetros nâbo babenaye basindwa bubuthongo, kodwa bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bukaYesu, bewabona naloo madoda mabini ayemi naye. Ke akwahlukana noYesu la madoda, uPetros wathi kuye: “Ngxatsho ke ukuba sibe lapha, Mhlekazi! Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” (Watsho engayazi into ayithethayo.) Kwathi ke esatsho, kwabakho ilifu elibagubungelayo. Boyika ke abafundi bakungena efini ooMosis. Kwabakho nelizwi liphuma efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam onyuliweyo; mveni yena.” Lakutsho ke elo lizwi, uYesu bambona seleyedwa. Abafundi bazigcina ezo zinto babezibonile, àbaxelela mntu ngazo ngaloo mihla.
ULUKA 9:28-36 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka waya entabeni, esiya kuthandaza. Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela. Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, engooMoses noEliya, ababonakalayo besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem. Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye. Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha. Masenze ke iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya; watsho engayazi into ayithethayo. Kuthe ke, akubon' ukuba uthethe ezo zinto, kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho. Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bahlala bathi cwaka bona, àbabikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.
ULUKA 9:28-36 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka wava entabeni, esiya kuthandaza. Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela. Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, angooMoses noEliya, ababebonakala besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem. Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye. Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya, engayazi into ayithethayo. Kuthe ke esathetha kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho. Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bagcina ke bona, ababikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.
ULUKA 9:28-36 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kute intsuku zingati zisibozo emveni kweziziteto, watabata naye u‐Petrosi, no‐Johane, no‐Yakobi, wenyukela entabeni ukuya kutandaza. Kwati ekutandazeni kwake ukubonakala kwobuso bake kwenziwa ngakumbi, nokuvata kwake kwaba kubengezela ngokumhlope. Kekaloku bona ke, amadoda amabini ebeteta naye, abe engu‐Mosesi no‐Elija; ababonakalayo ebungcwaliseni, bateta ngokufa kwake abeza kukufeza e‐Yerusaleme. Kodwa u‐Petrosi nabo bebenaye babe benzima bubutongo: bati bakuvuka, babona ubungcwalisa bake, namadoda lawo omabini abemi naye. Kwaza kwati, nxa abesahlukana naye, wati u‐Petrosi ku‐Yesu: Nkosi! kulungile ukuba sibe lapa; masenze ke amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija; engazi into ayitetayo. Kekaloku nxa ebesitsho, kwafika ilifu labasibekelela; boyika ke bakungena abo elifini. Kanjalo ilizwi lavela elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo; mveni yena. Lati lakuba lidlule ilizwi, wafunyanwa u‐Yesu eyedwa. Baza bona bati cwaka, abatyela mntu kanjako kwezontsuku nanye yezozinto bazibonileyo.