Umceli-mngeni ka Phil Dooley weentsuku ezi-5 wokukhula kwamadodaIsampulu
USawule, indoda yethu elandelayo ngumchasi-gorha. Ngamanye amazwi, uswele iimpawu zesiqhelo zobugorha. Isiphene esikhulu sikaSawule, yinto yokuba izenzo zakhe angazingqamelanisi noThixo. Khangela eligama lithi ukungqamelana ukuba lithetha ukuthini. : lithetha ukulungisa izinto zibesemgceni othe ngqo okanye kwindawo yolungelelwaniso; indawo yesivumelwano okanye yokumanyana’
Cinga ngamavili emoto angangqamelelananga. Imoto iphela itsalela calanye, kufuneke uwenzelelele amavili qho ukuze uhlale endleleni. Iya fana lo nto naxa intliziyo nengqondo yakho zingangqamelelanaga nezikaThixo – yaphuma endleleni kubenzima ukubuyela kuyo.
Okukuqala, indlela uSawule azibona ngayo, ayingqamelani nento uThixo ayitshoyo ngaye nangekamva lakhe. UThixo unyula uSawule ukuba alawule uSirayeli, kodwa uSawule akayikholelwa ukuba unako ukuyenza yena
loo nto. Ethubeni, xa izizwe zihlangene zilindele ukuba uSawule ezakwaziswa nje ngokumkani, uSawule akaveli ndawo kuba uzimele phakathi kwemigodlo.
Xa uThixo esimisele umsebenzi omkhulu, loo nto ayithi sesibakhulu kakade. UThixo ‘uthetha ngelizwi, zitsho izinto ezingekabikho zibekho’ (KwabaseRoma 4:17, XHO96), Kwaye uzifezekisa ngokwakhe apha kuthi nangathi. UThixo waxelela uAbraham ukuba unguyise wezizwe ezininzi uAbraham engekabinamntwana, laliselidlulile ixesha lokuzala kuSara. Umahluko phakathi koSawule noAbraham kukuba uAbraham ‘wayeqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo.’ KwabaseRoma 4:21 XHO96).
Maxa wambi sibhidanisa ukungazithembi nentobeko. Kanti ke, ‘Intobeko yokwenene, ayikokuzicingela phantsi, kukunciphisa ukucinga kwakho ngawe.’ (la mazwi athathwe kuRick Warren kodwa abhidaniswa no CS Lewis.) Intswela-kuzithemba kaSawule kukucingela isiqu sakhe sodwa. Usoloko ecinga ngesiqu sakhe, nokuba sele ezicingela phantsi!’
Okwesibini, izenzo zikaSawule azihambelani nezicwangciso neenjongo zikaThixo. USawule akamthobeli uThixo okanye amthobele nje kancinci (yinto enye leyo). Umzekelo ocacileyo wokuqala kuxa uThixo eyalela uSawule ukuba atshabalalise isizwe siphela samaAmaleki –bonke abantu, iimpahla yabo emfutshane, nezinto zabo zonke. Nanko uSawule nomkhosi wakhe bebusindisa ubomi bukakumkani uAgagi, bayithatha yonke into enqwenelekayo, kuquka iigusha, iibhokhwe neenkomo. Akugqiba apho uSawule wahamba waya eKarmele eyokuzimisela isikhumbuzo. Lilonke uSawule ufuna uncedo lukaThixo, hayi ngendlela kaThixo.
Nangona uSawule ebhiyozela uloyiso, emehlweni kaThixo uSawule woyisiwe kukuba ngukumkani ngenxa yeenkani zakhe nokuvukelana noThixo. INkosi ide ithi kuSamweli, ‘Ndiyazisola ngokumenza ukumkani uSawule, Sele enxaxhile Kum ngokungawuthobeli umyalelo Wam.’ (1KaSamweli 15:10-11, XHO96).
USawule akayilungisi indlela yakhe. Xa uSamweli em-buza ngokungasitshabalalisi kwakhe isizwe sama Amaleki, uSawule wabeka umkhosi wakhe ityala wathi yena ebenezicwangciso zokubingelela eNkosini ngokuthinjiweyo (1 KaSamweli 15:20-12). Ngenxa yokuba engalulungisi ungqamelwano lwakhe noThixo, uSawule uya ephuma ngokuphuma endleleni.
Sesiqhele ukuqukumbela ngokucinga ngokuba igorha lethu belinokusixelela ntoni ukuba belisaphila namhlanje. Kodwa kweli ityeli, masigqibezele ngento uThixo ayixelele uSamweli xa esiyakuthambisa lowo uzakuthabatha kuSawule, uDavide: ‘’Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyeweni.’ (1KaSamweli 16:7, XHO96).
Malunga nesi Sicwangciso
Ubudoda buqulathe lukhulu ngaphezu koko ihlabathi lifuna sikwazi. Kulomngeni wokukhula sizakukhangela ubomi bamagorha amathandathu aseBhayibhileni kunye nobom balowo ungelogorha. Lamadoda ayejongene nemingeni efanyo nale sijongene nayo namhlanje. Impumelelo yabo (okanye ukungaphumeleli kwabo) kunxulumene nqo nobudlelwane babo noThix.
More
Sithanda ukubonga i-Hillsong South Africa ngokubonelela esi sicwangciso. Ngolwazi olungakumbi, nceda u tyelele: http://phildooley.com/