Umceli-mngeni ka Phil Dooley weentsuku ezi-5 wokukhula kwamadodaIsampulu
Umpostile uPawulosi akadingi kwaziswa. Ubomi bakhe bufana nomfanekiso obhalwe ‘Ngaphambi & Emva’ obonakalisa inguquko ye 180° ecace gca. Phofu, uThixo wenza umzekelo ngo Pawulosi. ‘Nali ilizwi onokulifaka entliziyweni ubambelele kulo: uYesu Krestu weza emhlabeni ukokusindisa aboni,’ UPawulosi ubhalela uTimoti. ‘Ndibubungqina - umoni wasesidlangalaleni ophambili – bomntu ongewayengazanga alenze ixesha ngaphandle nje kwenceba. Ngoku Uqhayisa ngam – ubungqina bomonde wakhe ongapheliyo – kwabo basecicini lokumthemba ngonaphakade.’ (1Timoti 1:15-16, MSG, eguqulelweyo).
Phambi kokuba adibane noYesu, uSawule (ligama lakhe lesiHebhere) ubezimisele ukulichitha liphele tu ibandla lasekuqaleni. Kodwa endleleni eya eDamasko eyokuqokelela amakholwa, uSawule wanqandwa nguYesu ovukileyo ekufeni, uPawulosi wadibana nothando, nenceba kunye nobabalo.
Yonke into yaguquka emva koko. Ngesaquphe, izinto ezazikade zibaluleke kakhulu kuye – ukuba ngowe sizukulwana sakwaYuda, imfundo yakhe ephucukileyo, - zambatsha xa ndizithelekisa nokwazi uYesu nokubanobudlelwane naYe.
Uthe akuyazi inyaniso, uPawulosi wazimisela iinjongo eziNTATHU ngobom bakhe:
1. Ukwazi uThixo nangakumbi. Yinjongo le eguqula ubom bakhe nabani na, nanini na. Eyona ndlela yokwenza nabuphi na ubudlelwane phakathi kwakho nalo mntu lubeluqilima, kuquka nobudlelwane bakho noThixo, kukuchitha ixesha kunye. Ukuchitha ixesha noYesu kuyakukunceda ukuba usebenzise intsalela yexesha lakho ngempumelelo.
Xa uchitha ixesha lakho noThixo – ngokufunda izibhalo ezifana nesi, ngokufunda iBhayibhile, uthethe naye, uthandaze, ubhale phantsi iingcinga, ukudumisa, ukuya enkonzweni –uvulela uMoya oyingcwele indawo ukuba asebenze ebomini bakho. UThixo uyakwandisela umbono wakho, akhokele amanyathelo akho, akuncede endleleni yakho.
2. Fana noYesu, Ukufana noYesu yinjongo yosindiso. Ngubani ongenakufuna ukuba yintsimbi njengoYesu? Ngubani ongakunqweneliyo ukuba nothando, uvuyo, umonde, nazo zonke iimpawu zikaYesu eziveliswa nguMoya Oyingcwele ebomi bethu.
Jonga indlela eluncedo ngayo kuPawulosi. Akukho nto imphazamisayo. Unovuyo noxolo nakweyona meko imbi athi agaxeleke kuyo, njenga ngokuya yena noSilas babekrazulelwe iimpahla babethwa, baphoswa entolongweni, noxa kunjalo babedumisa.
Xa uziqhelisa ukwenza okulungileyo – ukhawuleze uxolele, uzeke kade umsindo, uzinze, uthembakale, ubengophayo, njalo njalo – uphela usiba ngumntu ogqibeleleyo. Le ndlela yokukhula yeyona ndlela idelelekileyo kodwa umkhwa omhle owenza ukuba sikhululeke emphefumlweni, esinokuthi sizifundise wona.
3. Ukufezekisa konke oko akubekelwe nguThixo, ukuba akwenze. Asiyondlwana iyanetha. Kodwa uPawulosi wazidibanisa nobabalo ukuze akwazi ukwenza oku. UBabalo bububele bakhe kuthi esingabusebenzelanga, esingamelanga kubufumana. Ngamandla ka Moya Oyingcwele afumanekayo asigcinayo asixhobisayo. Lilonke, uBabalo lukaThixo, kuvala isikhewu esiphakathi koko sinokuzenzela kona (ngamandla ethu), noku asibekele ukuba sikwenze ngokwecebo lakhe elingumangaliso ngobom bethu.
Ngoko ke, ebezakuthini kuthi uPawulosi ukuba ebesaphila apha phakathi kwethu namhlanje? Mhlawumbi ebezakuthi: mhlawumbi ubungaqalanga kakuhle ebomini, unako ukuba nesiphelo esihle. UYesu unezicwangciso ezingcono kakhulu ngobom bakho, ngaphezu kwazonaziphi na izicwangciso onokuzifezekisa ngokunokwakho. Phila ubom obushiya umzila. Zama umzamo omhle. Ulufeze ugqatso. Ubambelele elukholweni ungayeki.
Malunga nesi Sicwangciso
Ubudoda buqulathe lukhulu ngaphezu koko ihlabathi lifuna sikwazi. Kulomngeni wokukhula sizakukhangela ubomi bamagorha amathandathu aseBhayibhileni kunye nobom balowo ungelogorha. Lamadoda ayejongene nemingeni efanyo nale sijongene nayo namhlanje. Impumelelo yabo (okanye ukungaphumeleli kwabo) kunxulumene nqo nobudlelwane babo noThix.
More
Sithanda ukubonga i-Hillsong South Africa ngokubonelela esi sicwangciso. Ngolwazi olungakumbi, nceda u tyelele: http://phildooley.com/