Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi BakhoIsampulu
UBhaptizo ngamanzi: Isibhengezo sasesidlangalaleni soBomi obuGuqukileyo
Ubhaptizo ngamanzi yindlela ebalulekileyo yokubhengeza usindiso lwakho esidlangalaleni. Ubhaptizo ngamanzi lusikhumbuza ukuphela kobomi bethu obudala nokuqala kobutsha. UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukubaluleka kobhaptizo ngamanzi phambi nje kokunyukela kwakhe ezulwini emva kokuvuka ekufeni. Wathi,
“Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele” UMATEWU 28:19
KwiTestamente eNtsha yonke kukho amabali amaninzi okubhaptizwa kwamakholwa. Ubhaptizo ngamanzi ngumqondiso obalulekileyo kulowo ubhaptizwayo nakulowo ubukeleyo. Ubhaptizo ngamanzi lubonisa ngokuphandle: ukuphela kwendlela obuphila ngayo ngaphambili ngokukuntywilisela emanzini; isiqalo sobomi obutsha kuKrestu ngokuphuma emanzini uhlambulukile, ungcwengekile kwaye usisidalwa esitsha kuThixo.
ULuka 3:3 uthi ubhaptizo ngamanzi “lubhaptizo lokuzohlwaya” kwaye lugxininisa ukubaluleka kokwazisa esidlangalaleni okokuba sibushiyile ubomi bethu obudala kwanesono. Noxa ubhaptizo ngamanzi lungasisindisi lungasiqumi nokusiquma isono sethu, luyinxenye ebalulekileyo yobomi bethu bobuKrestu – isibhengezo sokuba usisidalwa esitsha, ubomi obuguqukileyo! Okokuba kukho ubani ekungazange kufuneke enze esi sibhengezo, nguYesu, owaphila ubomi obungenasono apha ehlabathini. Kodwa uLuka 3:21 uthi,
“Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe” ULUKA 3:21
UYesu wabhaptizwa ukuze silandele umzekelo wakhe. Ukubaluleka kobhaptizo ngamanzi yinto enkulu. Okokuba akukabhaptizwa ngamanzi, kufuneka ucinge ngokubeka phambili ubhaptizo ngamanzi. IBhayibhile isiyalela okukuba siluvakalise phandle usindiso lwethu, kwaye inkoliso yeecawe ezikholelwa kwiBhayibhile zibonelela ngamathuba amaninzi okubhaptizwa ngamanzi. Ukulandela umzekelo kaYesu kuya kusoloko kungunqaphambili. UThixo uza kukusikelela kakhulu kwaye akuvuze ngokuthembeka kwakho kuye nangokumthobela.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Inkoliso yezigqibo ebomini zinokubaluleka okuthile. Kodwa, sinye kuphela esona sibalulekileyo. Okokuba ufuna isikhokelo esilula sokusiqonda nzulu esi sigqibo singaqhelekanga – isipho sasimahla sikaThixo sosindiso – qala apha ke.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/