Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi BakhoIsampulu
UThixo umele ukukungenisa eZulwini?
Khawucinge okomzuzwana ngexesha lakho apha kweli hlabathi elithe laphela kungalindelekanga. Ngowona mmangaliso mkhulu uzifumana umi phambi koMdali wakho. Ngelixa ukubhideka nokoyika kwakho kujika kubekukulindela nemvuseleleko yokubona ikhaya lakho langunaphakade ekugqibeleni, ngesaquphe uyamiswa phambi kokuba ungene. UThixo ukubuza umbuzo onzulu,”Kungani ndimele ukukuyeka ungene ezulwini?”
Ungaphendula njani?
Ngethamsanqa, xa loo mhla mkhulu nomangalisayo usifikela ngabanye, uThixo akasayi kukucela ukuba ugqibe uvavanyo phambi kokuba ungene. Noxa kunjalo, le nto isizobela umfanekiso obalulekileyo, ocingisayo onjongo yawo ikukusinceda siluqonde ngcono usindiso.
Abanye basenokuwuphendula umbuzo kaThixo ngokubhekisa kwizinto ezintle abazenzileyo. Abanye bangachaza ukungena kwabo icawe ngokunyanisekileyo, kanti ke abanye basenokunika uluhlu lwazo zonke izinto ezimbi abaziphephileyo. Noxa ezi zinto zibalulekile ebomini bawo onke amaKrestu, aziqinisekisi lusindiso. Inye kuphela impendulo echanekileyo yalo mbuzo:
“UYesu Krestu ndimenze iNkosi yobomi bam, kwaye undihlambulule kuzo zonke izono zam.”
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Inkoliso yezigqibo ebomini zinokubaluleka okuthile. Kodwa, sinye kuphela esona sibalulekileyo. Okokuba ufuna isikhokelo esilula sokusiqonda nzulu esi sigqibo singaqhelekanga – isipho sasimahla sikaThixo sosindiso – qala apha ke.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/