Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi BakhoIsampulu

Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi Bakho

Usuku 4 LWE 6

Usindiso: Inxaxheba kaThixo neNxaxheba Yakho

Usindiso lwakho luhlanganisa izigqibo ezibini ezibalulekileyo. Esokuqala seso uThixo wasenzayo kudaladala sokuthumela uNyana wakhe ehlabathini ukuze abe nguMsindisi wethu ekukuphela kwakhe. Esesibini sisigqibo sakho sokwamkela uNyana wakhe njengoMsindisi WAKHO.

“Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo;anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo. Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje.” KWABASE-EFESE 2:8-9

ISISA sichazwa njengesibonelelo esingafanelekanga okanye esingalungelekanga. Isisa yinxaxheba kaThixo kusindiso, kwaye isibonelelo sakhe usisa eluntwini ngesipho esifezekileyo, uYesu Krestu. Ngomnqamlezo, uYesu walihlawula ngokupheleleyo ityala lezono zethu. NgoYesu isisa sikaThixo esimntwisiweyo, akukho misebenzi engako emihle ekufuneka siyenzile, okanye esingaze siyihlawule. Asinakuluhlawula usindiso lwethu; sisipho sasimahla sethusonke, esingafuni ntlawulo kuthi.

UKHOLO luchazwa njengobungqina bokuba kukho into ekhoyo noxa ingenakubonwa ngamehlo enyama okanye ichukunyiswe. Ukholo luyafuneka kwinxaxheba yethu kusindiso, kwaye ngokholo, njengesenzo sentando yethu, sikhetha ukunikela ubomi bethu kuThixo ngokwenza uYesu iNkosi yobomi bethu. Sakuba ngokholo samkele isisa sikaThixo ngoYesu Krestu, ngokungathandabuzekiyo, nangaphandle kokuthini isiphelo sakho ngunaphakade noThixo ezulwini. Ungaqiniseka ngokupheleleyo ngaloo nto!

Noxa imisebenzi emihle ingenakuluhlawula usindiso lwethu, idlala indima ebalulekileyo ekuphileni kwethu ubomi bobuKrrestu sakuba samkele uYesu.

“Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.” KWABASE-EFESE 2:10

UThixo unenjongo ethile ngobomi bethu ngabanye, iinkcukacha zoko ikakhulu ziphakathi kwakho naye. Kodwa uThixo unenjongo enye ngabo bonke abantwana bakhe, kwaye yeyokuba ukholo lwethu silusebenzise ngokwenza imisebenzi emihle. Xa senjenjalo, sizalisekisa inxaxheba ebalulekileyo kaThixo ngobomi bethu, kwaye sinenyhweba yokubonisa abanye uthando lwakhe. Usindiso sisiqalo esitsha kwanesiphelo kwaye sisizathu sokuba sigcobe. Usisidalwa esitsha, esisoloko siguqulwa!

Usuku 3Usuku 5

Malunga nesi Sicwangciso

Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi Bakho

Inkoliso yezigqibo ebomini zinokubaluleka okuthile. Kodwa, sinye kuphela esona sibalulekileyo. Okokuba ufuna isikhokelo esilula sokusiqonda nzulu esi sigqibo singaqhelekanga – isipho sasimahla sikaThixo sosindiso – qala apha ke.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/