Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi BakhoIsampulu
Sonke siyamfuna uMsindisi
Xa uThixo wayedala uAdam noEfa, wabadala bengenasono kwaye benolwalamano olufezekileyo naye. Xa bathi bangawuthobeli umyalelo kaThixo kwisahluko sesithathu seGenesis, bangenisa isono ebomini babo, nakuluntu luphela. KwabaseRoma 3:23 uchaza ifuthe elikhulu lesigqibo sikaAdam noEfa.
“Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo.” KWABASEROMA 3:23
Akukho namnye ukhululweyo esonweni nefuthe laso; Sisonke ngabanye sinetyala. Ngenxa yoko, sonke sahluliwe kuThixo. Isono sethu sikwaneziphumo zanaphakade.
“Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa;” KWABASEROMA 6:23a
Ngenxa yesigqibo sikaAdam noEfa sokungathobeli Thixo, zange basinde ekufeni kunye nayo yonke inzala yabo (abantu); emzimbeni nasemphefumlweni. Bakuba besilele, uThixo wajongana nokwenza isigqibo: ukuvumela isono sizihambele noluntu, isiqhamo sibe kukucima koluntu, okanye ukubonelela ngeendlela zokusindisa uluntu kuxhakamfulo lwesono. Ngethamsanqa, ngendlela yokugqibela yokubonisa uthando nemfesane yakhe, uThixo wabonelela ngosindiso ngoNyana wakhe.
“Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.” UYOHANE 3:16
“…ke sona isipho asibabala ngaso uThixo noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.”
KWABASEROMA 6:23b
Ngaphandle koYesu Krestu, isiphelo soluntu kukufa komzimba nomphefumlo, akukho zinxaxhi. Kodwa kwabo kuthi abakuKrestu, ukufa komzimba kusasilindile, kodwa ukufa komphefumlo (iSihogo) akusilindelanga.Endaweni yoko, ubomi banaphakade eZulwini busilindele sakuba silishiyile eli hlabathi.Ngokuzenza idini elifezekileyo kukaYesu Krestu nangokuvuka kwakhe ekufeni, siyasinda kwisigwebo somphefumlo esisisono!
Malunga nesi Sicwangciso
Inkoliso yezigqibo ebomini zinokubaluleka okuthile. Kodwa, sinye kuphela esona sibalulekileyo. Okokuba ufuna isikhokelo esilula sokusiqonda nzulu esi sigqibo singaqhelekanga – isipho sasimahla sikaThixo sosindiso – qala apha ke.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/