Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi BakhoIsampulu

Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi Bakho

Usuku 2 LWE 6

UThixo wakudala eneNgcinga kaNaphakade

UThixo xa wayesidala, isicwangciso sokuphila kwethu sasingaphezu kweminyaka engaphezu kwe 70 okanye kwe80. Wayenenjongo ethile ngobomi bethu ngabanye. Isicwangciso sakhe siquka ubomi bethu basehlabathini nobomi bethu basezulwini (okanye banaphakade). EkaYakobi 4:14 ichaza umahluko phakathi kwala mabakala amabini okuphila kwethu. Uthi,

“Nithetha nje ningayazi into eniza kuba yiyo ngomso. Nifana nje nomfa-nkungu othi uvele umzuzwana nje uphinde uphele.” EKAYAKOBI 4:14

Selekhe wayiva into ethi, “Ubomi bufutshane.” Ngokonaphakade, kunjalo. IBhayibhile ithi,

“…Umntu ngamnye ufa kube kanye, emva koko agwetywe.” KUMAHEBHERE 9:27

Sonke siza kufa ngokwasenyameni. Kodwa ukufa ngokwasenyameni sisiphelo nje somzimba wethu, hayi umphefumlo wethu. Umphefumlo wethu, okanye ukuphila kwethu okungaphakathi komzimba wethu, kunaphakade. Umphefumlo wethu uza kuba kunaphakade uphela kwiindawo ezimbini emva kokufa kwethu ngokwasenyameni: iZulu okanye iSihogo.

IZulu yiparadesi yanaphakade apho uThixo ahlala khona. ISihogo kukwahlukana mpela noThixo.

Ukuzalwa kwethu ngokwendalo kweli lizweyayingesosiqalo nje sobomi bethu obudlulayo basenyameni ehlabathini, yayikwasisiqalo sobomi bethu bomphefumlo apha nangaphaya bugqobhoza kuye wonke unaphakade. Ngoko ke ngokukanaphakade, abanye obu bomi bethu banaphakade bangabubona njengokungabalulekanga. Kodwa le nto asiyonyani konke konke. Isiphelo sakho sanaphakade eneneni simiswa zizigqibo ozenzayo ngexesha ulapha ehlabathini; okona kubalulekileyo, sisigqibo sokwenza uYesu Krestu iNkosi yobomi bakho. Usindiso luyafumaneka kuthi sonke ngoYesu Krestu, kwaye kungaye yedwa esingaguqula isiphelo sethu sokuchitha unaphakade sahlukene noThixo, sichithe unaphakade noThixo eZulwini.UYesu wathi:

“Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.” UYOHANE 14:6

Izigqibo esizenzayo ebomini bethu basehlabathini zibalulekile ngezinye izizathu, kananjalo. Indlela esiphila ngayo njengamakholwa inganefuthe kwisiphelo sanaphakade sabanye abantu abangekamazi uYesu Krestu njengoMsindisi wabo. Mihla le, abo basingqongileyo bawujongile umzekelo wethu wokuphilela uKrestu. NjengamaKholwa, uThixo usisebenzisa nganye ukuzisa izulu kwabo basingqongileyo abangekamazi. UYesu wathi:

“Nina nilukhanyiso lwehlabathi….Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.” UMATEWU 5:14-16

Usuku 1Usuku 3

Malunga nesi Sicwangciso

Esona Sigqibo siKhulu ngoBomi Bakho

Inkoliso yezigqibo ebomini zinokubaluleka okuthile. Kodwa, sinye kuphela esona sibalulekileyo. Okokuba ufuna isikhokelo esilula sokusiqonda nzulu esi sigqibo singaqhelekanga – isipho sasimahla sikaThixo sosindiso – qala apha ke.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/