Luyintoni Uthando Lokwenene?Isampulu
Uthando Lokwenene Alunakuthotywa Xabiso
Uthando lwenene lusembindini wevangeli kwaye ivangeli yimbonakaliso yothando lukaThixo. Ivangeli sesona senzo sothando. Kungevangeli kuphela esifumana olu thando lokwenyani. Sinikwe amandla okwazi uthando lokwenyani, sonwabele uthando lokwenyani, siphile kuthando lokwenyani, kwaye sinike uthando lokwenyani kuKristu.
Yintoni ivangeli?
Ivangeli ziindaba ezilungileyo zokuba kukho umntu olithathileyo ityala kunye nesohlwayo sethu sazo zonke izikreqo zethu ngakuThixo. Siyintoni isohlwayo sesono? Kukufa, ingqumbo kaThixo, intuthumbo kanaphakade kunye nokwahlukaniswa noThixo esihogweni. UYesu, ekuphela komntu owayenokusihlawulela isono sethu, waphakama wema endaweni yethu, wathabatha SONKE isohlwayo esisifaneleyo. UYesu, ofezekileyo, ongenasono, uThixo opheleleyo nomntu opheleleyo, wanikela ngobomi bakhe ngenxa yethu. Lowo ungenasono wathabatha SONKE isono sethu, BONKE ububi bethu, nabo BONKE ubuGWENXA bethu phezu kwakhe kwaye ngokutshintshiselana wasinika ubungcwele bakhe, isimilo sakhe, nobuLUNGISA bakhe.
Lowo wabubeka phantsi ubomi bakhe ufuna wazi olu hlobo lothando, ulwamkele, uluve, uphile kulo, kwaye ulunike abanye.
Ngaba ulufumene olu thando? Ukuba uyazi ukuba ulufumene uxolelo lukaThixo kwaye uthembele kuKristu naseluthandweni lwakhe, into elandelayo esifuna ukukucela ukuba uyenze ngoku kukuba uthandaze lo mthandazo umfutshane ngaphambi kokuba uqhubekeke: “Nkosi ndicela uvule iindlebe zokuva iLizwi lakho, vula amehlo am ukuze ndikubone nenyaniso yakho, ndiyivule intliziyo yam ukuba ndisabele kuko konke ondibonisa kona. Ndincede ndiqonde kwaye ndifumane uthando lwakho lokwenyani kwaye ndiyibambe ngakumbi into ondenzele yona kwaye ndikwazi ukuhlala eluthandweni lwakho lokwenyani. Amen.”
Uthando lukaThixo ngawe lolona thando lugqibeleleyo. Ukuqonda nokwamkela kunye nokukholelwa uthando lwakhe lokwenyani kubalulekile kwaye kusisiseko sokuba singobani, ubudlelwane bethu noKristu, kwaye yonke into esiyenzayo kuyo yonke indawo yobomi bethu. Kwaye kufuneka sihambe eluthandweni lwakhe umzuzu nomzuzu.
Malunga nesi Sicwangciso
Wonke umntu ufuna ukwazi ukuba uthando luyintoni kanye kanye. Kodwa bambalwa abantu abajonga oko iBhayibhile ikutshoyo ngothando. Uthando yeminye yemixholo ephambili esiBhalweni kunye neyona nto ibalulekileyo ebomini bobuKristu. Esi sicwangciso esivela kwi-Thistlebend Ministries sihlola intsingiselo yothando eseBhayibhileni kunye nendlela yokumthanda ngakumbi uThixo kunye nokuthanda abanye.
More