Luyintoni Uthando Lokwenene?Isampulu
Uthando Luyajikwa
Kanye kunye no-St Augustine sinokuthi uthando lusisiphelo. Kodwa kwa kunye noAugustine sinokubonisa ukuba okulungileyo uThixo akunikayo kuyajikwa; leyo yeyona nkcazelo yokuba ububi nuyintoni. Ngoko nothando luyajikwa kwaye lugxile kwisiqu somntu. Njengaboni sizijonge kakhulu ngokwendalo, kwaye siphila kwihlabathi elizicingelayo. Logama nje sicinga ngeziqu zethu, siyaphoswa luthando lwakhe.
Asifuni kuphoswa koko kulungileyo phambi kwethu ngenxa yoloyiko okanye ikratshi okanye ukungakholwa. Asifuni ukuhamba kuzo zonke iimeko ebomini ukuya ekupheleni kwaye sifumanise ukuba siwuphosile owona mbono.
Iqhalo, eliye laba neenguqulelo ezininzi kwiinkulungwane zeminyaka edlulileyo, lisilumkisa ngokuthantamisayo ukuba iintshekela ezibonakala zingabalulekanga zinokuba nemiphumela ebuhlungu nengalindelekanga.
Ngo xa kufunwa isikhonkwane, kwalahleka isihlangu,
Ngo xa kufunwa isihlangu, kwalahleka ihashe,
Ngoxa kufunwa ihashe, umkhweli walahleka,
Ngo xa kufunwa umkhweli, umyalezo walahle,
Ngo xa kufunwa umyalezo, Ujijiswano lwatshabalala,
Ngo xa kufunwa ujijiswano, imfazwe yalahleka,
Ngo xa kufunwa imfazwe, ubukumkani balahleka,
Ngo xa kufunwa isikhonkwane, ihlabathi latshabalala.
Singasindiswa kwaye singene ezulwini sifumanise ngoko ukuba asilonwabelanga ngokupheleleyo uthando lwakhe apha emhlabeni ngendlela awayezimisele ukuba silonwabele ngayo. UAmy Carmichael uthi: “UJulian waseNorwich [ngeminyaka yee-1300] wabhala wathi: ‘Kukuthanda kukaThixo ukuba sizithabathe ngokukhulu nangokunamandla kangangoko sinako iintuthuzelo Zakhe, yaye unqwenela ukuba sizithabathe lula iingxaki zethu kangangoko sinako. zithabatheni, nizenze into engento. Ewe, ngoba “kuya kubakho uvuyo kusasa."”
USamuel Rutherford Kwiminyaka engama-300 elandelayo wabhala: “Andinakuyifumana indlela yothando lukaKristu. Ukuba ndandikwazile oko andigcinele kona, ndandingasoze ndibe nentliziyo etyhafileyo.”
Ngaba ukhe uzive ufana naba bangcwele bakudala? Amaxesha amaninzi kubanzima ukuba silwamkele oluthando, sizive singafanelekanga, singathandeki, okanye singamkelekanga. Sinengqiqo enzulu emiphefumlweni wethu yokuba sisenokuba siyawuphosa owona ndoqo. Kodwa ukuba siyawuphosa owona ndoqo siya kuphoswa ziintsikelelo ezininzi namathuba asibekele wona, ngoku nakwixesha elizayo.
Malunga nesi Sicwangciso
Wonke umntu ufuna ukwazi ukuba uthando luyintoni kanye kanye. Kodwa bambalwa abantu abajonga oko iBhayibhile ikutshoyo ngothando. Uthando yeminye yemixholo ephambili esiBhalweni kunye neyona nto ibalulekileyo ebomini bobuKristu. Esi sicwangciso esivela kwi-Thistlebend Ministries sihlola intsingiselo yothando eseBhayibhileni kunye nendlela yokumthanda ngakumbi uThixo kunye nokuthanda abanye.
More