Luyintoni Uthando Lokwenene?Isampulu

What Is True Love?

Usuku 12 LWE 12

Ukuqukumbela

Xa siqwalasela konke esikufundileyo, sakufundayo, saza sacingisisa kwezi ntsuku zidlulileyo, ingaba intliziyo yakho ilangazelela ukwazi uthando lokwenyani kunye nokuyithanda ngenene iNkosi?! Siyayidinga iNkosi. Nguye kuphela onokusibonisa ukuba luyintoni na uthando lokwenene nendlela yokusikhulula esonweni esibonakala sibambelele ngokusondeleyo. Ukuzishiya kunye nokubulala inyama ngumsebenzi wobomi bonke. Kuthetha ukuba IMIHLA le simele silahle iindlela zethu size "sihambe ngokholo". Kufuneka siqhelisele Ukuyingenisa Entliziyweni Inyaniso size Siyifake Ebomini yonke imihla. Kufuneka sibulahle ubuxoki benyama, bosathana, nehlabathi kwaye sambathe inyaniso yeLizwi likaThixo ngamandla oMoya oyiNgcwele. Okukhona sifunda ukuncama ubutofotofo neendlela zeli hlabathi, kokukhona siya kukwazi ukunandipha uvuyo nobukho bukaKristu, yaye kokukhona siya kumlangazelela ngakumbi uKristu. Siya kuguqulwa ngokuhlaziywa kweengqondo zethu neentliziyo zethu. Siya kunqwenela ukuzishiya iindlela zethu zakudala size sibambelele kubutofotofo neendlela zikaKristu size silwazi ulonwabo lokwenyani noyolo lokwenene lothando lokwenene. Siya kuluva uthando lwakhe ngaphakathi nangathi size sizalisekise injongo kaThixo ngathi njengoko ichazwe ngokucacileyo kwincwadi engeemfundiso zonqulo zeCawa yaseWestminster: Siyintoni isiphelo esiyintloko somntu? Esona siphelo soMntu kukuzukisa uThixo nokonwabela Yena ngonaphakade.

Masithandaze: “Ndiyakuthanda, Yehova, ngenxa yokuba uliva ilizwi lam nokutarhuzisa kwam. Uthando lwakho luthululwe entliziyweni yam ngoMoya oyiNgcwele endimnikiweyo. Ndiyabulela, Nkosi.”

Ukuthathela Inyaniso Ngokusentliziyweni:
Khetha iSibhalo namhlanje ukuze usithabathele entliziyweni.

Ukubeka ISIQU ekufeni:
IsiBhalo osibhalileyo sibhekisa kwesiphi isono ebomini bakho.

Ukuzisa Inyaniso Ebomini:
Luluphi utshintsho olukhethekileyo ekufuneka ulwenzile kwindlela ocinga ngayo okanye kwisimo sakho sengqondo okanye kwindlela oziphatha ngayo ukuze uzithobe kuThixo?

Usuku 11

Malunga nesi Sicwangciso

What Is True Love?

Wonke umntu ufuna ukwazi ukuba uthando luyintoni kanye kanye. Kodwa bambalwa abantu abajonga oko iBhayibhile ikutshoyo ngothando. Uthando yeminye yemixholo ephambili esiBhalweni kunye neyona nto ibalulekileyo ebomini bobuKristu. Esi sicwangciso esivela kwi-Thistlebend Ministries sihlola intsingiselo yothando eseBhayibhileni kunye nendlela yokumthanda ngakumbi uThixo kunye nokuthanda abanye.

More

Sithanda ukubulela iThistlebend ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: https://www.thistlebend.org