Luyintoni Uthando Lokwenene?Isampulu
Ukuzithanda Akufunekanga Kuthintele Uthando Lokwenene
Ukuzithanda akuthinteli kuphela uthando lokwenene, kodwa kuyalutshabalalisa.
Yintoni na egcwalisa isiqu sakho? SISIQU. Uloyiko. Ukungakholwa. Ukungathembi. Iingcinga eziphikisanayo. Iimvakalelo eziphikisanayo. Iinkanuko neminqweno yokungahloneli Thixo. Umsindo. Intlungu . . . intlungu enzulu. Iimvakalelo kunye neenkumbulo ezingcungcuthekisayo. Ubuxoki. Impumelelo. Udumo. Ithamsanqa. Ukuziphakamisa. Ingcambu ebonakala ixhaphakile kuko konke ukuswela uthando lokwenene kukugxila ngaphakathi kuthi endaweni yokujonga ngaphandle kuThixo nakwabanye.
Ngoko yeyiphi indawo ogxila kuyo? Ulichitha njani ixesha lakho, imali yakho, ubuncwane bakho, iziphiwo zakho, nezinto ozithandayo? Iingcinga zakho zibhadula phi okanye zijonge phi emini? Ngawaphi amagama aphuma emlonyeni wakho? Ngamanye amazwi, uthetha ngantoni okanye uthetha ngabani? Ngaba injongo yakho sisiqu sakho?
Nangona sisenokuba sisibekile isiseko sikaKrestu ebomini bethu, sinako ukufumanisa ukuba besisakha phezu kweso siseko sinoburhalarhume kunye nobuceducedu bokusebenza kwethu. Kodwa uThixo unokuyikhulula aze ayibuyisele iminyaka eyayibiwa ziinkumbi aze athabathe oko utshaba lalikufuna ukwenza ububi ngako aze akusebenzisele okulungileyo. Unokude asebenzise iindlela zethu zesono, nekratshi ukuze atyhile okugqwesileyo ngothando lwakhe, inceba yakhe, nobabalo lwakhe.
Thatha umzuzwana uyicingisise lento emva koko uthandaze lomthandazo:
"Nkosi, ndicela uvule amehlo entliziyo yam, ndibone okungaphakathi. Ngaba lukhona uthando? Ngaba kukho ukulimala? Ikratshi? Umsindo? Ukuzingca? Yintoni endenza ndingalwazi uthando lwakho kwaye ndihlale eluthandweni lwakho? Ndifuna ukwazi olu thando lokwenyani ngendlela yokuba ndiphile kwaye ndishumayele uthando lokwenyani lwevangeli ngemilebe yam nangobomi bam. Ngokutsho kukaPawulos, ukuba asinalo uthando asinto yanto. Yiba nenceba kum. Egameni likaYesu, Amen.”
Ukuthathela Inyaniso Entliziyweni: Khetha iSibhalo osibeka entliziyweni ukuze uhlaziye ingqondo yakho kwaye uguqule intliziyo yakho.
Ukubulala inyama: Sisiphi isono esikhethekileyo ekubhekiselwa kuso ebomini bakho sesiBhalo osibhalileyo?” UPawulos usixelela ngokukhethekileyo ukuba sibuhlube ubuntu obudala.
Ukuzisa Inyaniso Ebomini: Yambatha ubuntu obutsha -- uKristu. Luluphi uhlengahlengiso olukhethekileyo omele ulwenze kwindlela ocinga ngayo okanye kwisimo sakho sengqondo okanye kwindlela oziphatha ngayo ukuze uzithobe kuYe uze usebenzise inyaniso Yakhe engqondweni nasentliziyweni yakho?
Malunga nesi Sicwangciso
Wonke umntu ufuna ukwazi ukuba uthando luyintoni kanye kanye. Kodwa bambalwa abantu abajonga oko iBhayibhile ikutshoyo ngothando. Uthando yeminye yemixholo ephambili esiBhalweni kunye neyona nto ibalulekileyo ebomini bobuKristu. Esi sicwangciso esivela kwi-Thistlebend Ministries sihlola intsingiselo yothando eseBhayibhileni kunye nendlela yokumthanda ngakumbi uThixo kunye nokuthanda abanye.
More