Indlela yokuqalisa ukufunda iBhayibhileSample
![How to Start Reading the Bible](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F16643%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
Ukufunda ukuthembela kuThixo ngezwi Lakhe
Ukuthembela kuThixo xa kukhanya kulula kodwa, ukumethemba xa kumnyama lukholo ke elo. — uCharles Spurgeon
Ukwenza ukufunda iBhayibhile kube ngumkhwa wakho ngemihla ngemihla kunye nokufunda ukumisela inyaniso yayo kuyalwandisa nokwenene ubudlelwane betho noThixo. Kodwa ke, ngamanye amaxesha, umhlawumbi ngamaxesha amaninzi, iBhayibhile ingabonakala ingathiayiwuchananga umgca. Kungavakala ingathi iBhayibhile ayiyazi intlalo yexesha esiphila kulo. Ukuba sithetha inyaniso emsulwa, ngamanye amaxesha kungavakala ukuba uThixo akalunganga ngoba akasiniki lento siyicelayo.
Ngokuncamathela kwethu elizwini likaThixo, siyabona ukuba izicwangciso zakhe zilungile kwaye unenjongo entle ngathi engqondweni yakhe egqibeleleyo. Kodwa, yinjongo Yakhe entle hayi eyethu. Uthixo ubona umfanekiso osele ugqityiwe kwaye uyayazi sidinga ntoni nexesha esiyidinga ngayo. Uthixo simthemba ngokwenene xasizazi iimpawu zakhe.
Ukufunda nokumisela ilizwi likaThixo ebomini bethu kuyasinceda okuba simethembe imihla ngemihla, ngoba ilizwi Lakhe alibuyi lilambhatha. Uthixo wenza izithembiso enzininzi eBhayibhileni, ezo zithembiso zisinika ithemba xa sizithabathela kuthi ezi sizenza ezethu. Makhe sicaphule ezinye yezi zethembiso. Uthixo uthembisa ukuba...
... Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.(uYonane Wokuqala 1:9)
...Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. (Matewu 11:28-29)
Malunga nesi Sicwangciso
![How to Start Reading the Bible](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2Fhttps%3A%2F%2Fs3.amazonaws.com%2Fyvplans%2F16643%2F1280x720.jpg&w=3840&q=75)
Masithethe inyaniso: siyayazi ukuba yinto elungileyo ukufunda iBhayibhile, kodwa kunzima kakhulu ukuba uyazi indawo ozakuqala kuyo. Kwezintsuku zine zilandelayo, sizakufunda ngokuba kutheni iBhayibhile ibalulekile nje, singaziqhelanisa njani nokuyifunda imihla ngemihla, kwaye isebenza njani ebomini bethu namhlanje.
More