Indlela yokuqalisa ukufunda iBhayibhileIsampulu

How to Start Reading the Bible

Usuku 1 LWE 4

Ingaba yintoni iBhayibhile kwaye ibaluleke ngantoni 

IBhayibhile efundisisiweyo luphawu lomphefumlo owondlekileyo. — Ongaziwayo

IBhayibhile, ebizwa ngokuba li Lizwi likaThixo okanye Isibhalo Esingcwele, yincwadi yethu yesikhokelo njengabalandeli bakaKristu kwaye licandelo eliphambili lokusinceda ukuba sihambele nobudlelwane noYesu. Nangona ingayiphenduli yonke imibuzo yethu, iyasinika isikhokelo malunga nokuba ngubani uThixo, ukuba singadlelana njani nabanye abantu, indlela yokuphila nenjongo, kwaye sibufumana njani ubomi obungunaphakade.

Enye yezinto ezoyikisayo esinokuzixelelwa kukuba kufuneka siyifunde kakhulu. Kodwa sinokufunda iinyaniso ezinamandla ngeBhayibhile, kwaye loo nto iya kusikhuthaza ukuba siyenze ibe yinxalenye yezinto esizenza imihla ngemihla. 

Kuqala, masithethe ngokuba iyintoni.

IBhayibhile yenziwe...

  • ngeencwadi eziyi-66 ezahlukeneyo…
  • ...ibhalwe ngaphezulu kwesithuba seminyaka eli-1,500…
  • ...ngeelwimi ezintathu… 
  • ...ngababhali abangaphezu kwama-40 abohlukeneyo…
  • ...behlala kumazwekazi amathathu ahlukeneyo…
  • … zonke ziphefumlelwe nguThixo.

Nangona ezincwadi zabhalwa ngokuzimeleyo, zithetha ngomxholo omnye kuzo zombini iTestamente eNdala kunye neNtsha: inkululeko yabantu ngoMsindisi wethu, uYesu Kristu.

Zingaphezulu kwama-300 iziprofeto zeTestamente eNdala ezixela kwangaphambili ngobomi nangemisebenzi kaYesu kwaye zonke zazaliseka ebomini bakhe. Nangona kukho yonke leyantlukwano ngendlela yokubhalwa kweBhayibhile kunye nexesha, akukho ndlela yokuba uninzi lwezi ziprofeto lwalunokuxelwa kwangaphambili ngababhali okanye bazibhunge ezizehlo.

Ezi nyaniso ziyamangalisa! Ukufunda iBhayibhile kunye nokufunda ngayo iya kuba ngumzamo wobomi bonke, ngokuba singabantu abanesiphelo sizamana nokuqonda uThixo ongenasiphelo. Singakhula, nangona kunjalo, ekuqondeni kwethu siqhubeke sifunda ubomi bethu bonke. 

Singazibuza ukuba buchaphazeleka njani ubomi bethu xa singayifundi iBhayibhile. Singangeva mehluko mkhulu xa sitsiba usuku. Ifana nokutya iyeza ngenxa yesigulo esinaso— singacinga ukuba iyeza alenzi nto ingako, kodwa xa siyeka ukulithatha, siqaphela umahluko omkhulu. Sisenokungasoloko sivakalelwa ngathi iBhayibhile iyasichaphazela, kodwa ukuba siyayisusa kwihambo zethu zemihla ngemihla noYesu, sizakuqaphela indlela imiphefumlo yethu ebulaleka ngayo yindlala. 

Njengoko sihamba ngesi siCwangciso seBhayibhile, Siza kufumanisa ukuba siwuphuhlisa njani umkhwa wokufunda imihla ngemihla, sifunde ukuba silisebenzisa njani iliZwi likaThixo ezimpilweni zethu, kwaye simthembe uThixo ngokungaguquguqukiyo. 

Cingisisa

  • Ngaba uyakholelwa ekunyanisekeni nasekubalulekeni kweBhayibhile? Kutheni okanye kutheni kungenjalo?
  • Ukuba le yindawo ongarhalela ukufunda banzi ngayo, kukho izixhobo ezininzi ezikhoyo kwi-intanethi zisuka kubantu abachitha ubomi babo befumana iinyani ngeBhayibhile kunye nokunyaniseka kwayo.
Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

How to Start Reading the Bible

Masithethe inyaniso: siyayazi ukuba yinto elungileyo ukufunda iBhayibhile, kodwa kunzima kakhulu ukuba uyazi indawo ozakuqala kuyo. Kwezintsuku zine zilandelayo, sizakufunda ngokuba kutheni iBhayibhile ibalulekile nje, singaziqhelanisa njani nokuyifunda imihla ngemihla, kwaye isebenza njani ebomini bethu namhlanje.

More

Esi sicwangciso seBhayibhile santlandlolo senziwa kwaye sanikezelwa ngu-YouVersion.