Indlela yokuqalisa ukufunda iBhayibhileIsampulu
Uwuqala njani umkhwa wokufunda iBhayibhile imihla ngemihla
Ungaze uphoswe kabini. Ukuba uphose usuku olunye, zama ukubuyela emkhondweni ngokukhawuleza. — uJames Clear
Ukufunda iBhayibhile kungavakala kunzima ukuba yinto ongekayiqali. Okanye mhlawumbi uyivula manqapha-nqapha, kodwa ke lilonke, ayonxalenye yobomi bakho bemihla ngemihla. Namhlanje, singakutshintsha oko ngokusebenzisa amanyathelo athile alula.
Ukuqala ukuziqhelanisa neBhayibhile akunyanzelekanga kukhangeleke ngendlela ethile. Nokuba siyiqala kanjani, uThixo uzakusibonisa izinto ngendlela engamandla xa sithe saqala. Kwaye njengokuba lamazwi acatshulweyo esitsho ngasentla: Sukuphoswa kabini. Hayi kuba uThixo ezakucaphuka — Akasoze. Kodwa xa usiya uphoswa ziintsuku ezininzi, kuya kusiba lula ngakumbi ukuyeka kwaphela. Apha ngezantsi kukho iingcebiso ezimbalwa zokukunceda uqale umkhwa wokufunda iBhayibhile imihla ngemihla.
Funda iTestamente eNtsha.
Esi sisiqalo esihle ngoba iTestamente eNtsha ibhala ngobomi neemfundiso zikaYesu. Ungongeza iTestamente eNdala ngenye imini, kodwa kwabaqalayo okanye abantu abangayiqondiyo iBhayibhile, esi sisiqalo sakho. Qala kuMateyu uze ufunde isahluko ngosuku. Bhala phantsi amanqaku okanye imibuzo onayo endleleni kwaye ubuze umhlobo okanye umfundisi ohamba phambili kuhambo lwakhe lokufunda iBhayibhile kunawe.
Qalisa iSicwangciso seBhayibhile.
eYouVersion, sinika amawaka eziCwangciso zeBhayibhile—kanye njengale—ukukunceda kuhambo lwakho. Baninzi abantu abanolwazi olunzulu ngeBhayibhile, imbali yayo, nemvelaphi yayo, kwaye oko kuya kukunceda uyiqonde. Ungaqala ngokufumana izicwangciso zemihla ngemihla eziza kukunceda uhambe nayo iBhayibhile.
Thandazela ukhokelo.
Ukufunda iBhayibhile yonke imihla linyathelo lokuqala. Kwaye lelikhulu! Njengoko uqhubeka uyifunda kwaye ufunda nzulu malunga nemiphakathi nemiphumela yayo, thandazela u-Thixo ukuba akubonise ulwazi oluxabisekileyo ngayo. Cela uThixo ukuba ayenze iphile inyaniso yakhe kuwe ukuze ukhule ngokwenyani ekuliqondeni iLizwi lakhe.
Kuya kubakho iintsuku apho singafuniyo ukufunda iBhayibhile. Zininzi ezinye izinto ezisitsalelayo kwicala lazo. Kwaye kuyakubakho neentsuku zokuba siyifunde kodwa hayi ngokwenene uyayifumana. Kulapho senza khona ukhetho lokufunda iBhayibhile nangona kunjalo. Kunqabile ukuba sizive singena kwizenzo ezithile, kodwa amaxesha amaninzi iimvakalelo zethu ziyalandela xa sisenza.
Njengoko usiya phambili kulo mkhwa mtsha wemihla ngemihla wokufunda iBhayibhile, uThixo uza kuqala ukukubonisa izinto ongazange uzicinge. Themba ukuba olu tyalo-mali luza kukuzisela inzuzo kamoya yexesha elide ebomini bakho.
Cingisisa
- Ngaba uyifunda yonke imihla iBhayibhile yakho? Kutheni okanye kutheni kungenjalo?
- Cinga ngokuzibophelela ufunde iBhayibhile yakho yonke imihla kwezintsuku zingama-30 zizayo. Unokufuna ukufumana umntu oza kwabelana naye ngalomceli mngeni ukwenzele uzive unoxanduva. (Ungaqala isicwangciso seBhayibhile nabahlobo kwaye ubameme ukuba bayenze kunye nawe!)
Malunga nesi Sicwangciso
Masithethe inyaniso: siyayazi ukuba yinto elungileyo ukufunda iBhayibhile, kodwa kunzima kakhulu ukuba uyazi indawo ozakuqala kuyo. Kwezintsuku zine zilandelayo, sizakufunda ngokuba kutheni iBhayibhile ibalulekile nje, singaziqhelanisa njani nokuyifunda imihla ngemihla, kwaye isebenza njani ebomini bethu namhlanje.
More