Indlela yokuqalisa ukufunda iBhayibhileIsampulu
Ukumilisela iinyaniso zeBhayibile ebomini bakho
Uzulumkele ukungena kumgibe wokuypheculula izibhalo ube wena kanti awuwulandeli umthetho obekiweyo yiBhayibile. — Francis Chan
Njengokuba besesitshilo, ukufunda izibhalo ezingcwele kubalulekile ukuze sibe nobudlelwane noKristu. Ukufunda izibhalo nokuqokelela umxholo wezibhalo sibe singenzinto ngalento esiyifundileyo ayisisi ndawo lonto. Yilonto ke kufunaka ukuba siyimisele ezintlizweni zethu into esiyifundileyo nesiyichaphuleyo ukwenzela sikwazi ukukhula njengabalandeli bakaKristu.
Ilizwi likaThixo lisisixhobo sethu. Ilizw likaThixo liyaphila, lisebenza ngamandla, kwaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini. Xa sifake ilizwi likaThixo ezintlizweni zethu kuyasinceda oko ukuba sisichase isono kwaye sikwazi ukulwa nemimoya engendawo. Umthyoli akafuni ukuba sithembele kuThixo okanye elizwini Lakhe. Uthyoli ulindele ukuba sizilibale okanye sizibeke bucala izinto esizifunde elizwini likaThixo.
Enye yezonanyaniso esinokuzifunda eBhayibhileni kukwazi ukuba singobani xa sime kuKristu kwaye singazimisela njani iinyaniso zakhe ebomini bethu. Apha ngezantsi zezinye zezikhohliso esizikholelwayo kunye neyeza likuphilisa ezo zokhohliso:
Izikhohliso esizikholelwayo - - Ndingumntu ohleli nje ndiyasilela kwaye akhonto ndikwazi ukuyenza kakuhle.
Ukumisela inyaniso kaThixo-Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu. (kwabaseFilipi:13)
Izikhohliso esizikholelwayo - NguThixo onjani na lo ongavumela into enje yenzeke ebomini bam?
Ukumisela inyaniso kaThixo-Siyazi ke ukuba zonke izinto zisebenziselana okulungileyo kwabo bamthandayo uThixo, kwababiziweyo ngokwengqibo yakhe. (kwabaseRoma 8:28)
Izikhohliso esizikholelwayo - Nzizohlala ndinje.
Ukumisela inyaniso kaThixo - Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; bonani ke, zisuke zaba ntsha izinto zonke zakhe. (kwabaseKorinte 5:17)
Cinga ngezikhohliso oye wena wazi kholelwa. Kuqhelekile kwayekulula ukukholelwa kwezi zikhohliso ngoba sekungathi ziyinxalenye yesimo sethu, kodwa oku akungomqweno kaThixo ngathi. Mhla waziqhaphela ezi zikhohliso sowukufuphi ukuba uzoyise. UThixo usinike ilizwi Lakhe ukuba siyazi inyaniso yakhe kwaye eli liwi liyasikhulula emakhamandeleni obomi.
Masingene ke ngoko ekuphileni njengaboyisi simisele iliswi elisinika ubomi, elisinika ithemba, eloyisa umthyoli ezintliweni zethu.
Camngca
- Ingaba na uyayiphila into ethetwa yiBhayibhile ebomini bakho? okanye uvumela izimvo zakho zilithathe ithuba lakho lokumisela ilizwi likaThixo entliweni yakho?
- Yeyiphi imeko enobunzima ebomini bakho ojongene nayo ngalo mzuzu? Kawukhe upheculule izibhalo ukhangele ivesi enokunceda kuloo meko.
Malunga nesi Sicwangciso
Masithethe inyaniso: siyayazi ukuba yinto elungileyo ukufunda iBhayibhile, kodwa kunzima kakhulu ukuba uyazi indawo ozakuqala kuyo. Kwezintsuku zine zilandelayo, sizakufunda ngokuba kutheni iBhayibhile ibalulekile nje, singaziqhelanisa njani nokuyifunda imihla ngemihla, kwaye isebenza njani ebomini bethu namhlanje.
More