Ukuqala Ubudlelwane NoYesuIsampulu

Beginning A Relationship With Jesus

Usuku 2 LWE 7

"Imibuzo"

Abantu abanesiphiwo ngobugcisa bobudlelwane badla ngokuba ngabantu ababuza eyona mibuzo inika umdla. Apha kulapho uThixo angumanqanqa.

Khawujonge eminye yemibuzo enzulu kaThixo:

Uphi na? (iGenesis 3:8-9)

Kanye ekuqaleni kweBhayibhile, uThixo wawubonakalisa lo mba wobuntu bakhe ngobudlelwane bakhe noAdam noEva—ukuthembana, ukungafihli, nobudlelwane bemihla ngemihla..

KwiGenesis 3, sifunda ngo-Adam no-Eva bakhetha ukuphambuka kuThixo baze baphile ubomi ngaphandle kwaKhe. Lwathi lwakuba luqhawukile ulwalamano, uThixo weza efuna uAdam noEva. Akazanga ukuzobohlwaya okanye ukuzobahlazisa kodwa ukubuyisela ubudlelwane.

Xa ubona uThixo enyakazela ebomini bakho, nawe, ungumntu amfunayo, ukuze ube nako ukumazi kwaye uhlale ebudlelwaneni Naye.

Ingaba ufuna ntoni? (UYohane 1:35-39)

KuYohane 1, sibona uYesu ebuza amadoda athile afuna ukwazi umbuzo ofana nombuzo kaThixo. Wababuza esithi, Nifuna ntoni na? ( UYohane 1:38 ).

La madoda awuphepha lo mbuzo aza atshintsha incoko, ebuza uYesu esithi, “Uhlala phi na?” Kunokuba abanike idilesi yokwenene, Wabaphendula, “Yizani ... nize nibone” (UYohane 1:39). Kunokuba aphendule, Unikela isimemo.

Amaxesha amaninzi, uninzi lwethu luhlala lusithi kuThixo, “Ndifuna okuthile kuwe,” ngelixa uThixo esithi kuthi, “Ndifuna ukuba nawe..”

Uthi ndingubani? (UMateyu 16:13-15)

Kulapho buqala khona ubuKristu. Impendulo yakho yala mbuzo ithi isiqalo sakho apha, kuba kulapho ucaca khona malunga nento oyicingayo ngoYesu. Ngethamsanqa, oko uYesu akuthethayo ngaYe kubhalwe eBhayibhileni, kuquka uYohane 10:36, uYohane 11:25, uYohane 10:11, noYohane 8:58.

Ezi zezinye zeentetho zikaYesu—indlela awayeya kuwuphendula ngayo umbuzo omalunga nokuba ungubani na. Kodwa uYesu akayeki; Uyiisa emntwini ngakumbi.

Uyakukholelwa oku? (UYohane 11:25-26)

UYesu usoloko izinto ezithi nqo emntwini. Wathi kubafundi Bakhe, “Kodwa kuthekani ngani—ingaba nina nithi ndingubani?” Wathi kuMarta kuYohane 11:25-26, “Ingaba uya kukholelwa oku?”

UYesu usibuza kwa le mibuzo minye, kwaye ukuphendula le mibuzo yinxalenye yokuba nobudlelwane noThixo, ukufumana uThixo nokufumana inyaniso. Yaye ukufumana inyaniso kuqala kuYesu Kristu.

Usuku 1Usuku 3

Malunga nesi Sicwangciso

Beginning A Relationship With Jesus

Ngaba usaqala ukukholwa kuYesu Krestu? Ngaba uyafuna ukwazi ngakumbi ngobuKristu kodwa awuqinisekanga ukuba—okanye njani—ungabuza ntoni? Uze uqale apha. Ithatyathwe kwincwadi ethi "Start Here" nguDavid Dwight kunye noNicole Unice.

More

Sithanda ukubulela uDavid Dwight, uNicole Unice kwakunye no David C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, Nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/start_here/